Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 27

Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa

Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa

LA MADODA anyanzela abantu ukuba basebenze. Khangela le ndoda ibetha omnye wabasebenzi ngesabhokhwe! Abasebenzi ngabentsapho kaYakobi yaye babizwa ngokuba ngamaSirayeli. Abantu ababanyanzela ukuba basebenze ngamaYiputa. AmaSirayeli angamakhoboka amaYiputa. Yenzeka njani le nto?

Kangangeminyaka emininzi intsapho enkulu kaYakobi yahlala ngoxolo eYiputa. UYosefu, owayeyeyona ndoda idumileyo eYiputa elandela uFaro ukumkani, wayebanyamekela. Kodwa wafa uYosefu. UFaro omtsha owayengawathandi amaSirayeli, waba ngukumkani eYiputa.

Ngoko lo Faro ukhohlakeleyo wawenza amakhoboka amaSirayeli. Wamisela amadoda angenanceba nakhohlakeleyo ukuba ibe ngawo aphetheyo. Anyanzela amaSirayeli ukuba asebenze nzima, akhele uFaro izixeko. Kodwa sekunjalo amaSirayeli aya esanda. Ekuhambeni kwexesha amaYiputa oyika ukuba amaSirayeli aza kuba maninzi gqitha aze omelele ngakumbi.

Uyayazi na into eyenziwa nguFaro? Wathetha nabafazi ababencedisa oomama abangamaSirayeli ekuzaleni abantwana, wathi: ‘Bulalani zonke iintsana ezingamakhwenkwe ezizalwayo.’ Kodwa aba bafazi babelungile yaye abazange bazibulale iintsana.

Ngoko uFaro wawisa lo myalelo kubantu bakhe bonke: ‘Thabathani abantwana bamaSirayeli abangamakhwenkwe nibabulale. Nishiye amantombazana odwa.’ Ngaba lo yayingengomyalelo ulisikizi? Masibone indlela olwahlangulwa ngayo olunye usana oluyinkwenkwe.