Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 28

Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses

Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses

KHAWUBONE olu sana lulilayo, nolubambe umnwe weli nenekazi. NguMoses lo. Ngaba uyalazi eli nenekazi lihle? Yinkosazana yaseYiputa, intombi kaFaro.

Unina kaMoses walufihla usana lwakhe de lwaneenyanga ezintathu ubudala, kuba wayengafuni lubulawe ngamaYiputa. Kodwa wayesazi ukuba uMoses unokufunyanwa, ngoko nantsi into awayenzayo ukuze amkhusele.

Wathabatha umnyazi wawulungisa ukuze kungangeni manzi. Wafaka uMoses kuwo waza wawubeka phakathi kwengca ende ngakuMlambo umNayile. UMiriyam ongudadeboMoses, waxelelwa ukuba makeme kufutshane ukuze abone okwenzekayo.

Kungekudala intombi kaFaro yeza kuhlamba umzimba kuMlambo umNayile. Ngequbuliso yabona umnyazi kwingca ende. Yathi komnye wabakhonzazana bayo: ‘Khawuye kundithabathela laa mnyazi.’ Yathi inkosazana yakuwuvula umnyazi yabona oluhle lona usana! UMoses omncinane wayelila yaye inkosazana yasikwa yimfesane ngaye. Ayizange ifune ukuba abulawe.

Kwaza ke kwafika uMiriyam. Nanko emfanekisweni. UMiriyam wabuza intombi kaFaro: ‘Ndingaya kukubizela umSirayelikazi aze kukuncancisela olu sana?’

‘Yiya,’ yatsho inkosazana.

Ngoko uMiriyam wabaleka waya kuxelela unina. Ekufikeni konina kaMoses kwinkosazana, yathi: ‘Thabatha olu sana undincancisele lona, ndokunika umvuzo wakho.’

Ngoko unina kaMoses walunyamekela usana lwakhe. Kamva xa uMoses wayemdala ngokwaneleyo, unina wamsa kwintombi kaFaro yaza yona yamkhulisa njengonyana wayo. Wakhulela ngaloo ndlela ke uMoses endlwini kaFaro.