Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 29

Isizathu Sokuba UMoses Abaleke

Isizathu Sokuba UMoses Abaleke

KHANGELA nankuya uMoses ebaleka eYiputa. Uyawabona na amadoda amleqayo? Uyazi ukuba kutheni efuna ukubulala uMoses nje? Masibone.

UMoses wakhulela endlwini kaFaro, umlawuli waseYiputa. Waba yindoda elumke ngokwenene nedumileyo. UMoses wayesazi ukuba akangomYiputa kodwa abazali bakhe babengamakhoboka angamaSirayeli.

Ngenye imini xa wayeneminyaka engama-40 ubudala, uMoses wagqiba ekubeni ahambe aye kubona indlela ababephila ngayo abantu bakowabo. Yayimbi kakhulu indlela ababephethwe ngayo. Wabona umYiputa ebetha ikhoboka elingumSirayeli. UMoses wabhekabheka yaye akungaboni mntu umjongileyo, wambetha umYiputa wafa. Wandula ke uMoses wasifihla entlabathini isidumbu sakhe.

Ngengomso uMoses wahamba kwakhona ukuya kubona abantu bakowabo. Wayecinga ukuba angabanceda bayeke ukuba ngamakhoboka. Kodwa wabona amadoda angamaSirayeli amabini esilwa, waza uMoses wathi kule yonileyo: ‘Umbethela ntoni na umzalwana wakho?’

Le ndoda yathi: ‘Umiselwe ngubani na ukuba ube ngumlawuli nomgwebi wethu? Ngaba nam uza kundibulala njengalaa mYiputa umbuleleyo?’

Ngoko woyika uMoses. Wayesazi ukuba abantu bayayazi into ayenze kumYiputa. KwanoFaro wayiva loo nto waza wathumela amadoda ukuba abulale uMoses. Kungenxa yoko le nto uMoses kwafuneka ebalekile eYiputa.

Ekumkeni kukaMoses eYiputa waya kude elizweni lakwaMidiyan. Apho wadibana nentsapho kaYitro waza watshata uTsipora enye yeentombi zakhe. UMoses waba ngumalusi wezimvu zikaYitro. Wahlala kwaMidiyan kangangeminyaka engama-40. Ngoku wayenama-80 eminyaka ubudala. Kwathi ngamhla uthile ngoxa uMoses wayesalusa izimvu zikaYitro, kwenzeka ummangaliso owaguqula ubomi bukaMoses bonke. Tyhila eli phepha, size sibone lo mmangaliso.