Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 31

UMoses NoAron Baya KuFaro

UMoses NoAron Baya KuFaro

EKUBUYELENI kukaMoses eYiputa, waxelela umntakwabo uAron ngemimangaliso. Yaye bathi uMoses noAron bakwenza Ie mimangaliso phambi kwamaSirayeli, bonke abantu bakholelwa ukuba uYehova unabo.

Emva koko uMoses noAron baya kuFaro. Bathi kuye: ‘UYehova uThixo kaSirayeli uthi, “Bandulule abantu bam kangangeentsuku ezintathu baye kundinqula entlango.”’ Kodwa uFaro waphendula wathi: ‘Andikholelwa kuYehova. Andizi kumndulula uSirayeli.’

UFaro waba nomsindo kuba abantu babefuna ukukhululwa emsebenzini baye kunqula uYehova. Ngoko wabanyanzela ukuba basebenze nzima nangakumbi. AmaSirayeli ambek’ ityala uMoses ngokuphathwa kakubi kwawo waza wabuhlungu uMoses. Kodwa uYehova wathi makangabi nexhala. ‘Ndiya kwenza uFaro abandulule abantu bam,’ watsho uYehova.

UMoses noAron baya kuFaro kwakhona. Ngesi sihlandlo benza ummangaliso. UAron waphosa phantsi intonga yakhe yaza yaba yinyoka enkulu. Kodwa nezilumko zikaFaro zaphosa phantsi iintonga, kwavela iinyoka. Kodwa, khangela! Inyoka ka-Aron iyaziginya iinyoka zezilumko. Sekunjalo uFaro akawandululanga amaSirayeli.

Ngoko kwafika ixesha lokuba uYehova amfundise isifundo uFaro. Uyazi ukuba wakwenza njani oku? Wazisa izibetho ezili-10, okanye amashwangusha, eYiputa.

Emva kwezibetho ezininzi, uFaro wathi makubizwe uMoses, waza wathi: ‘Yekisani isibetho, ndomndulula uSirayeli.’ Kodwa ekuyekisweni kwesibetho uFaro wayeyitshintsha indlela acinga ngayo. Wayengabandululi abantu. Kodwa ekugqibeleni, emva kwesibetho se-10, uFaro wawandulula amaSirayeli.

Uyasazi na ngasinye kwizibetho ezili-10? Tyhila eli phepha, sifunde ngazo.