Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 3

Ukukhululwa EYiputa Kuse Kukumkani Wokuqala KaSirayeli

Ukukhululwa EYiputa Kuse Kukumkani Wokuqala KaSirayeli

UMoses wakhokela amaSirayeli ekuphumeni ekuthinjweni eYiputa ukuya kwiNtaba yeSinayi, apho uThixo wawanika imithetho yakhe. Kamva, uMoses wathumela amadoda ali-12 ukuya kuhlola ilizwe lakwaKanan. Kodwa ali-10 kuwo abuya nengxelo embi. Abangela abantu bafuna ukubuyela eYiputa. Ngenxa yokuswela kwawo ukholo, uThixo wawohlwaya amaSirayeli ngokuwabhadulisa entlango kangangama-40 eminyaka.

Ekugqibeleni, uYoshuwa wanyulwa ukukhokelela amaSirayeli ezweni lakwaKanan. Ukuze awancede afumane ilizwe, uYehova wenza imimangaliso. Womisa amanzi oMlambo iYordan, wadiliza iindonga zeYeriko, wemisa nelanga imini yonke. Emva kweminyaka emithandathu, ilizwe lathatyathwa kumaKanan.

Ukususela kuYoshuwa, uSirayeli walawulwa ngabagwebi iminyaka engama-356. Sifunda ngabaninzi kubo, kuquka uBharaki, uGidiyon, uYifeta, uSamson noSamuweli. Kwakhona sifunda ngabafazi abanjengoRahabhi, uDebhora, uYaheli, uRute, uNahomi noDelila. Lilonke, iCandelo LESITHATHU ligubungela iminyaka engama-396 yembali.

 

KWELI CANDELO

IBALI 34

Uhlobo Olutsha Lokutya

Oku kutya kungaqhelekanga kuvela kuThixo kwehla kuvela esibhakabhakeni.

IBALI 35

UYehova Unikela Imithetho

Yiyiphi imithetho emibini emikhulu kuneMithetho Elishumi?

IBALI 36

Ithole Legolide

Yintoni eyabangela ukuba abantu banqule umfanekiso owenziwe ngamacici anyibilikisiweyo?

IBALI 37

Intente Yonqulo

Igumbi langaphakathi lalinetyeya yomnqophiso.

IBALI 38

Iintlola Ezili-12

Eziyi-10 zithetha into eyahlukileyo kwezimbini. Akholelwa eziphi amaSirayeli?

IBALI 39

Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo

Kwenzeka njani ukuba intonga iphume iintyatyambo neziqhamo ngobusuku nje obunye?

IBALI 40

UMoses Ubetha Iliwa

Amanzi aphuma, kodwa uMoses wamcaphukisa uYehova.

IBALI 41

Inyoka Yobhedu

Kwakutheni ukuze uThixo athumele iinyoka ezibulalayo ukuba ziye kutya amaSirayeli?

IBALI 42

Idonki Iyathetha

Idonki ibona into engabonwayo nguBhileham.

IBALI 43

UYoshuwa Uba Yinkokeli

UMoses usomelele, ngoko kutheni kusetyenziswa uYoshuwa endaweni yakhe?

IBALI 44

URahabhi Ufihla Iintlola

URahabhi uwanceda njani amadoda amabini, ucela ukuba amenzele ntoni?

IBALI 45

Ukuwela UMlambo IYordan

Emva kokuba ababingeleli bengene emanzini kwenzeka ummangaliso.

IBALI 46

Iindonga ZeYeriko

Intambo inokukwazi njani ukubamba udonga lungawi?

IBALI 47

Isela KwaSirayeli

Ngaba indoda enye eyenze ububi ingafaka lonke uhlanga engxakini?

IBALI 48

AmaGibheyon Alumkileyo

Aqhatha uYoshuwa namaSirayeli efuna babe noxolo nawo, kodwa amaSirayeli akazange ajike kwisithembiso sawo.

IBALI 49

Ilanga Lima Ngxi

UYehova ubangela ukuba uYoshuwa enze into angazange wayenza nangazange aphinde ayenze.

IBALI 50

Abafazi Ababini Abakhaliphileyo

Ukuba nguBharaki ukhokela umkhosi wamaSirayeli emfazweni, kutheni kuzukiswa uYaheli?

IBALI 51

URute NoNahomi

URute wemka kowabo waya kuhlala noHahomi, wakhonza uYehova.

IBALI 52

UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300

UThixo uvavanya amadoda ambalwa aza kuba kulo mkhosi ngokuwaselisa emlanjeni.

IBALI 53

Isithembiso SikaYifeta

Into awamthembisa ngayo uYehova yayiza kudibanisa nentombi yakhe.

IBALI 54

Eyona Ndoda Inamandla

UDelila wazi njani ukuba uSamson uwafumana phi amandla?

IBALI 55

Inkwenkwana Ikhonza UThixo

UThixo usebenzisa umfanyana uSamuweli ukuba ase umyalezo obuhlungu kuMbingeleli Omkhulu uEli.