Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 34

Uhlobo Olutsha Lokutya

Uhlobo Olutsha Lokutya

UYAYAZI na le nto icholwa ngabantu emhlabeni? Injengeqabaka. Imhlophe, yaye icolekile. Kodwa asiyoqabaka; yinto etyiwayo.

Kumalunga nenyanga enye kuphela amaSirayeli eyishiyile iYiputa. Asentlango. Kunqabile ukutya apha, yaye ke abantu bayakhalaza, besithi: ‘Akwaba uYehova ebesibulele eYiputa. Apho sasinako konke ukutya esikufunayo.’

Ngoko uYehova uthi: ‘Ndiza kunisa ukutya esibhakabhakeni.’ Yaye uYehova uyakwenza oku. Ngentsasa elandelayo xa amaSirayeli ebona kuwe le nto imhlophe, ayabuzana: ‘Yintoni le?’

UMoses uthi: ‘Kukutya enikunikwe nguYehova.’ Abantu bakubiza ngokuba yiMANA. Inencasa enjengesonka esinobusi.

UMoses uthi ebantwini: ‘Nimele nibuthe okulingene ukutyiwa ngumntu ngamnye.’ Ngoko ntsasa nganye babesenza oko. Kuthi ke ekugqatseni kwelanga, imana eshiyeke emhlabeni inyibilike.

Kwakhona uMoses uthi: ‘Makungabikho namnye oyigcinela ingomso imana.’ Kodwa abanye abantu abaphulaphuli. Uyazi kwenzeka ntoni? Kusasa ngengomso imana abebeyigcinile izele ziimpethu, yaye iqalisa ukunuka!

Noko ke, kukho umhla omnye weveki uYehova axelela abantu ukuba ngawo babuthe imana yeentsuku ezimbini. Lo ngumhla wesithandathu. Yaye uYehova uthi enye mayigcinelwe ingomso, kuba engayi kuyiwisa ngomhla wesixhenxe. Xa begcina imana yomhla wesixhenxe, ayinyakazeli ziimpethu yaye ayinuki! Lo ngomnye ummangaliso!

Yonke iminyaka amaSirayeli esentlango uYehova uwondla ngemana.