Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 36

Ithole Legolide

Ithole Legolide

KWOWU! Benza ntoni abantu ngoku? Bakhonza ithole! Kutheni besenza le nto nje?

Xa uMoses ehlala entabeni ixesha elide, abantu bathi: ‘Asazi ukuba kwenzeke ntoni kuMoses. Ngoko masizenzele uthixo oya kusikhokela siphume kweli lizwe.’

‘Kulungile,’ utsho umntakwaboMoses uAron. ‘Khululani amacici enu egolide, niwazise kum.’ Xa abantu bekwenza oko, uAron uyawanyibilikisa aze enze ithole legolide. Abantu bathi: ‘Nanku uThixo wethu, osikhuphileyo eYiputa!’ AmaSirayeli enza umgidi omkhulu, aze anqule ithole legolide.

Ekuyiboneni kukaYehova le nto, uba nomsindo omkhulu. Uthi kuMoses: ‘Khawuleza uhle. Abantu benza amasikizi. Bayilibele imithetho yam yaye baqubuda kwithole legolide.’

UMoses wehla ngokukhawuleza entabeni. Ekusondeleni kwakhe, uyawabona la masikizi. Abantu bayacula bengqungqa bejikeleza ithole legolide! UMoses ucaphuka kangangokuba uwalahla phantsi amacwecwe amabini amatye ekubhalwe kuwo imithetho, aze aqhekeke abe ziingceba. Wandula ke athabathe ithole legolide aze alinyibilikise. Uyalicola libe ngumgubo.

Abantu benze into elisikizi. Ngoko uMoses uxelela amadoda athile ukuba athabathe amakrele awo. ‘Abantu ababi abanqule ithole legolide mabafe,’ utsho uMoses. Yaye la madoda abulala abantu abangama-3 000! Ngaba oku akubonisi ukubaluleka kokuba sinqule uYehova kuphela, kungekhona oothixo bobuxoki?