Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 39

Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo

Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo

KHAWUBONE iintyatyambo neeamangile ezivuthiweyo ziphuma kule ntonga. Le yintonga ka-Aron. Ezi ntyatyambo neziqhamo ezivuthiweyo zakhula kwintonga ka-Aron ngobusuku nje obunye! Masibone isizathu.

AmaSirayeli ebebhadula entlango ixesha elithile ngoku. Bambi abantu abacingi ukuba uMoses umele abe yinkokeli, nokuba uAron umele abe ngumbingeleli omkhulu. Omnye ocinga ngale ndlela, nguKora kwanoDatan, uAbhiram kwaneenkokeli zabantu ezingama-250. Bonke aba beza kuMoses baze bathi: ‘Kutheni uziphakamisa ngaphezu kwethu?’

UMoses uthi kuKora nabalandeli bakhe: ‘Kusasa ngengomso thabathani iziphatho zomlilo nize nifake isiqhumiso kuzo. Nothi ke nize emnqubeni kaYehova. Siza kubona ukuba uYehova uya kunyula bani na.’

Ngengomso uKora nabalandeli bakhe abangama-250 beza emnqubeni. Nabanye abaninzi bayeza ukuxhasa la madoda. UYehova uba nomsindo kunene. ‘Sukani ezintenteni zala madoda mabi,’ utsho uMoses. ‘Ningachukumisi nantoni na yawo.’ Abantu bayaphulaphula, baze bemke ezintenteni zikaKora, uDatan noAbhiram.

Uthi ke uMoses: ‘Ngale nto niya kwazi ukuba uYehova unyule bani na. Uya kuvuleka umhlaba uze uwaginye la madoda mabi.’

Kwangoko akuyeka ukuthetha uMoses, umhlaba uyavuleka. Intente kaKora kwaneempahla zayo noDatan kwanoAbhiram nabo banabo bayatshona, uze umhlaba ubaginye. Xa abantu besiva izikhalo zabo batshona emhlabeni, bayadanduluka: ‘Balekani! Hleze umhlaba usiginye nathi!’

UKora nabalandeli bakhe abangama-250 basengasemnqubeni. Ngoku uYehova uthumela umlilo, baze batshiswe ngumlilo bonke. UYehova uthi unyana ka-Aron uEleyazare makathabathe iziphatho zomlilo zamadoda afileyo aze enze isigqubuthelo esicekethekileyo sesibingelelo ngazo. Esi sigqubuthelo sesibingelelo siza kusebenza njengesilumkiso kumaSirayeli ukuba akukho bani ngaphandle koAron noonyana bakhe umele asebenze njengombingeleli kaYehova.

Kodwa uYehova ufuna ukucacisa gca ukuba nguAron noonyana bakhe abanyule njengababingeleli. Ngoko uthi kuMoses: ‘Yithi inkokeli yesizwe ngasinye sakwaSirayeli mayize nentonga yayo. Kwisizwe sakwaLevi, yithi uAron makeze nentonga yakhe. Beka nganye yezi ntonga emnqubeni ngaphambi kwetyeya yomnqophiso. Intonga yendoda endiyinyule njengombingeleli iya kuntshula iintyatyambo.’

Xa uMoses ekhangela ngengomso, ewe, intonga ka-Aron intshula ezi ntyatyambo neeamangile ezivuthiweyo! Uyasibona na ke ngoku isizathu sokuba uYehova wenza intonga ka-Aron yantshula iintyatyambo?