Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 43

UYoshuwa Uba Yinkokeli

UYoshuwa Uba Yinkokeli

UMOSES ufuna ukungena kwaKanan namaSirayeli. Ngoko uyacela: ‘Khawundivumele Yehova ndiwele iYordan, ndize ndilibone ilizwe elihle.’ Kodwa uYehova uthi: ‘Kwanele! Ungaphindi uyithethe le nto!’ Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYehova athethe loo nto?

Kungenxa yento eyenzekayo xa uMoses wabetha iliwa. Khumbula, yena noAron abazange bambeke uYehova. Abazange babaxelele abantu ukuba nguYehova owayekhupha amanzi eliweni. Ngenxa yesi sizathu uYehova wathi akayi kubavumela bangene kwaKanan.

Ngoko kwiinyanga ezimbalwa emva kokufa kuka-Aron, uYehova uthi kuMoses: ‘Thabatha uYoshuwa, uze ummise phambi koEleyazare umbingeleli naphambi kwabantu. Yaye phambi kwabo, baxelele bonke ukuba uYoshuwa yinkokeli entsha.’ UMoses wenza njengokutsho kukaYehova, njengokuba umbona emfanekisweni.

Uthi uYehova kuYoshuwa: ‘Yomelela, musa ukoyika. Uya kukhokelela amaSirayeli elizweni lakwaKanan endiwathembise lona, yaye ndoba nawe.’

Kamva uYehova uxelela uMoses ukuba anyukele encotsheni yentaba iNebho elizweni lakwaMowabhi. Elapho phezulu uMoses unokukhangela ngaphesheya koMlambo iYordan aze alibone ilizwe elihle lakwaKanan. UYehova uthi: ‘Eli lilizwe endathembisa ukulinika abantwana baka-Abraham, bakaIsake, nabakaYakobi. Ndikubonisa lona, kodwa andiyi kukungenisa kulo.’

Apho encotsheni yeNtaba iNebho uMoses uyafa. Wayeneminyaka eli-120 ubudala. Wayesenamandla, yaye esabona kakuhle. Abantu baba buhlungu gqitha baze bamenzele isijwili uMoses. Kodwa bayakuvuyela ukuba noYoshuwa njengenkokeli yabo entsha.