Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 45

Ukuwela UMlambo IYordan

Ukuwela UMlambo IYordan

KHANGELA! amaSirayeli awela uMlambo iYordan! Kodwa aphi amanzi? Ngenxa yokuba ngelo xesha lonyaka imvula ina ngamandla, umlambo wawuzele uphuphuma kwimizuzu nje embalwa ngaphambi koko. Kodwa ngoku akakho amanzi! Yaye amaSirayeli awela kumhlaba owomileyo njengokuba enzayo kuLwandle Olubomvu! Ayeyephi na amanzi? Masibone.

Ekufikeni kwexesha lokuba amaSirayeli awele uMlambo iYordan, uYehova uthi kuYoshuwa makathi ebantwini: ‘Ababingeleli mabathabathe ityeya yomnqophiso bahambe phambi kwethu. Ekuzithini nkxu kwabo iinyawo zabo emanzini oMlambo iYordan, amanzi aya kunqamka.’

Ngoko ababingeleli bathabatha ityeya yomnqophiso, baze bayithwale ngaphambi kwabantu. Ekufikeni kwabo eYordan, ababingeleli bangena phakathi emanzini. Abaleka ngamandla yaye anzulu. Kodwa ekuthini cakatha kweenyawo zabo emanzini, amanzi ayanqamka! Ngummangaliso! Ngasentla uYehova uwafumbile amanzi. Ngoko, kungekudala akubikho manzi emlanjeni!

Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso bangena phakathi esazulwini somlambo owomileyo. Uyababona na emfanekisweni? Njengokuba bemi apho, onke amaSirayeli awela kuMlambo iYordan kumhlaba owomileyo!

Xa wonk’ ubani ewelile, uYehova uthi kuYoshuwa makaxelele amadoda anamandla ali-12: ‘Ngenani emlanjeni apho bami khona ababingeleli netyeya yomnqophiso. Thabathani amatye ali-12, nize niwafumbe apho nilalisa khona nonke ngokuhlwanje. Ngoko, kwixesha elizayo, xa abantwana benu bebuza okuthethwa ngala matye, baxeleleni ukuba amanzi ema xa ityeya yomnqophiso kaYehova yawela eYordan. Amatye oba sisikhumbuzo kuni ngalo mmangaliso!’ Kwakhona uYoshuwa ubeka amatye ali-12 apho bebemi khona ababingeleli esazulwini somlambo.

Ekugqibeleni uYoshuwa uxelela ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso: ‘Phumani eYordan.’ Yaye kwangoko bakuphuma, umlambo uqalisa ukubaleka kwakhona.