Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 46

Iindonga ZeYeriko

Iindonga ZeYeriko

YINTONI le iwisa ezi ndonga zeYeriko? Ingathi zibethwe yibhombu enkulu. Kodwa ngelo xesha babengenazo iibhombu; babengenayo nemipu le. Ngomnye ummangaliso kaYehova! Masifunde indlela owenzeka ngayo.

Phulaphula okuthethwa nguYehova kuYoshuwa: ‘Wena namadoda akho okulwa jikelezani isixeko. Sijikelezeni isihlandlo esinye suku ngalunye iintsuku ezintandathu. Hambani netyeya yomnqophiso. Ababingeleli abasixhenxe mabahambe phambi kwayo bevuthela amaxilongo abo.

‘Ngosuku lwesixhenxe sijikelezeni izihlandlo ezisixhenxe isixeko. Yolulani ekuvutheleni izigodlo, aze wonk’ ubani adume ngokuduma okukhulu kokuhlaba umkhosi. Ziya kuwa bhuma iindonga!’

UYoshuwa nabantu benza okuthethwa nguYehova. Ngoxa bejikeleza, wonk’ ubani uthe cwaka. Akukho mntu uthetha nelizwi eli. Konke okuviwayo sisandi sezigodlo nezingqi zeenyawo. Iintshaba zabantu bakaThixo eYeriko zimele ukuba zazisoyika. Uyayibona na la ntsontelo ibomvu ijinga efestileni? Yekabani la festile? Ewe, uRahabhi wenze oko wakuxelelwa ziintlola ezimbini. Bonke abentsapho yakowabo bangaphakathi bebukele naye.

Ekugqibeleni, ngosuku lwesixhenxe, emva kokujikeleza isixeko izihlandlo ezisixhenxe, kuhlokoma izigodlo, amadoda okulwa ayakhwaza, zize ziwe iindonga. Uthi uYoshuwa: ‘Bulalani wonk’ ubani esixekweni nize nisitshise. Tshisani yonke into. Sindisani kuphela isilivere, igolide, ubhedu nesinyithi nize nizinikele ebuncwaneni bentente kaYehova.’

Kwiintlola ezimbini, uYoshuwa uthi: ‘Yiyani endlwini kaRahabhi, nize nimkhuphe yena nayo yonke intsapho yakhe.’ URahabhi nentsapho yakhe basindisiwe, njengokuba iintlola zamthembisayo.