Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 48

AmaGibheyon Alumkileyo

AmaGibheyon Alumkileyo

NGOKU abantu bezixeko ezininzi zakwaKanan balungele ukulwa namaSirayeli. Bacinga ukuba banokoyisa. Kodwa abantu abakwisixeko esikufutshane saseGibheyon abacingi ngolo hlobo. Bayakholwa ukuba uThixo uyawanceda amaSirayeli, yaye abafuni ukulwa noThixo. Ngaba uyayazi into eyenziwa ngamaGibheyon?

Azimisela ukwenza kubonakale ngathi ahlala ndaweni ithile ekude. Ngoko amanye amadoda anxiba iimpahla ezikrazukileyo neembadada ezindala. Athwalisa iidonki zawo iingxowa ezikrazukileyo, aze aziphathele umphako wesonka esomileyo, nesingundileyo. Aya kuYoshuwa esithi: ‘Sivela kwilizwe elikude, kuba sivile ngoThixo wenu omkhulu, uYehova. Sizivile zonke izinto awanenzela zona eYiputa. Ngoko iinkokeli zethu zithe masilungise ukudla komphako size sihambe sithi kuni: “Singabakhonzi benu. Sithembiseni ngoko ukuba aniyi kulwa nathi.” Niyabona ukuba iimpahla zethu zikrazukile ngenxa yohambo olude nokuba isonka sethu somile saza sangunda.’

UYoshuwa nezinye iinkokeli bayawakholelwa amaGibheyon. Ngoko bayawathembisa ukuba abayi kulwa nawo. Kodwa kwiintsuku ezintathu kamva beva ukuba ngokwenene amaGibheyon ahlala kufutshane.

‘Kutheni nisixelele ukuba nivela kwilizwe elikude?’ uyawabuza uYoshuwa.

AmaGibheyon ayaphendula: ‘Senjenjalo kuba sixelelwe ukuba uThixo wenu uYehova unithembise ukuninika lonke eli lizwe lakwaKanan. Ngoko soyikile ukuba niya kusibulala.’ Kodwa amaSirayeli ayasigcina isithembiso sawo, aze angawabulali amaGibheyon. Kunoko awenza abakhonzi bawo.

Ukumkani waseYerusalem unomsindo kuba amaGibheyon enze uxolo namaSirayeli. Ngoko uthi kwabanye ookumkani abane: ‘Yizani nindincede ndilwe neGibheyon.’ Yaye abo kumkani bahlanu benjenjalo. Ngaba amaGibheyon ayelumkile ngokwenza uxolo namaSirayeli, nto leyo ngoku ebangela aba kumkani balwe nawo? Siza kubona.