Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 50

Abafazi Ababini Abakhaliphileyo

Abafazi Ababini Abakhaliphileyo

XA AMASIRAYELI engena enkathazweni, akhala kuYehova. UYehova uwaphendula ngokuwanika iinkokeli ezikhaliphileyo ukuze ziwancede. IBhayibhile ithi ezi nkokeli ngabagwebi. UYoshuwa wayengumgwebi wokuqala, yaye abanye abagwebi abamlandelayo nguOteniyeli, uEhude, noShamgare. Kodwa abantu ababini abanceda amaSirayeli ngabafazi ekuthiwa nguDebhora noYaheli.

UDebhora ngumprofetikazi. UYehova umnika inkcazelo engexesha elizayo, aze ke yena axelele abantu okuthethwa nguYehova. UDebhora ukwangumgwebi. Uhlala phantsi komthi wesundu kweleentaba, yaye abantu beza kuye ukuze bafumane uncedo ngeengxaki zabo.

Ngeli xesha uYabhin ungukumkani kwaKanan. Uneenqwelo zokulwa ezingama-900. Umkhosi wakhe unamandla kangangokuba uninzi lwamaSirayeli luyanyanzeleka ukuba lube ngabakhonzi bakaYabhin. Intloko yomkhosi kaKumkani uYabhin kuthiwa nguSisera.

Ngenye imini uDebhora uthi makubizwe uMgwebi uBharaki, aze amxelele: ‘UYehova uthe: “Thabatha amadoda ali-10 000 uwakhokelele kwiNtaba yeTabhore. Apho ndiya kumzisa kuwe uSisera. Yaye ndiya kumnikela kuwe umoyise yena nomkhosi wakhe.”’

UBharaki uthi kuDebhora: ‘Ndiya kuhamba ukuba uhamba nam.’ UDebhora uhamba naye, kodwa uthi kuBharaki: ‘Udumo aluyi kuba lolwakho endleleni oyihambayo, kuba uYehova uya kumnikela uSisera esandleni somfazi.’ Yaye kwenzeka oko.

UBharaki wehla eNtabeni yeTabhore aze adibane namajoni kaSisera. Ngequbuliso uYehova ubangela umkhukula, yaye uninzi lwamajoni otshaba luyarhaxwa. Kodwa uSisera uyehla enqweleni yakhe abaleke.

Emva komzuzwana uSisera ufika ententeni kaYaheli. UYaheli uthi makangene, aze amnike ubisi. Le nto iyamozelisa, yaye kungekudala ulala yoyi. Ngoko uYaheli uthabatha isikhonkwane sentente aze asibethelele kwintloko yale ndoda ingendawo. Kamva, xa kufika uBharaki, uYaheli umbonisa uSisera ofileyo! Ngoko ungabona ukuba okwathethwa nguDebhora kwaba yinyaniso.

Ekugqibeleni noKumkani uYabhin uyabulawa, aze amaSirayeli abe noxolo okomzuzwana.