Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 51

URute NoNahomi

URute NoNahomi

EBHAYIBHILENI kukho incwadi kaRute. Ithetha ngebali elingentsapho eyayiphila ebudeni bexesha lobukho babagwebi kwaSirayeli. URute ngumfazana ovela kwaMowabhi; akanguye owohlanga lukaThixo lwakwaSirayeli. Kodwa ekuveni kukaRute ngoThixo oyinyaniso uYehova, umthanda kunene. UNahomi ngumfazi okhulileyo oncede uRute wafunda ngoYehova.

UNahomi ngumfazi ongumSirayelikazi. Yena nomyeni wakhe noonyana ababini bafudukela kwilizwe lakwaMowabhi ngexesha lendlala kwaSirayeli. Ke ngamhla uthile umyeni kaNahomi wafa. Kamva oonyana bakaNahomi batshata iintombi ezimbini zakwaMowabhi uRute no-Orpa. Kodwa emva kweminyaka emalunga ne-10 oonyana ababini bakaNahomi bayafa. Hayi indlela abuhlungu ngayo uNahomi neentombi ezimbini! Uza kwenza ntoni ngoku uNahomi?

Ngenye imini uNahomi ugqiba kwelokuba athabathe uhambo olude abuyele kowabo. URute no-Orpa bafuna ukuhlala naye, yaye ke nabo bahamba naye. Kodwa emva kokuba behambe ixeshana endleleni, uNahomi uthi kwezi ntombi: ‘Godukani niye kuhlala noonyoko.’

UNahomi uyazanga ezi ntombi esithi ndlela-ntle. Emva koko ziyalila, kuba zimthanda gqitha uNahomi. Zithi: ‘Hayi! Siya kuhamba nawe ukuya kubantu bakowenu.’ Kodwa uNahomi uyaphendula: ‘Godukani, zintombi zam. Niya kulungelwa ngakumbi kwamawenu.’ Ngoko uOrpa uqalisa indlela yakhe egodukayo. Kodwa uRute akahambi.

UNahomi uphethukela kuye esithi: ‘UOrpa uhambile. Nawe goduka naye.’ Kodwa uRute uyaphendula: ‘Musa ukundinyanzela ukuba ndikushiye! Ndiyeke ndihambe nawe. Apho uya khona, ndakuya nam; nalapho uhlala khona, ndiya kuhlala nam. Abantu bakho baya kuba ngabantu bam, noThixo wakho abe nguThixo wam. Apho ufela khona, ndiya kufela khona; ndingcwatyelwe khona.’ Xa uRute ethetha oku, uNahomi uyayeka ukumnyanzela ukuba agoduke.

Ekugqibeleni aba bafazi babini bafika kwaSirayeli. Apha bazimisela ukuhlala. Kwangoko uRute uqalisa ukusebenza emasimini, kuba lixesha lokubutha irhasi. Indoda egama linguBhohazi imvumela abuthe irhasi emasimini ayo. Uyazi na ukuba wayengubani unina kaBhohazi? WayenguRahabhi wesixeko saseYeriko.

Ngenye imini uBhohazi uthi kuRute: ‘Ndixelelwe konke ngawe, nokumphatha kwakho ngobubele uNahomi. Ndiyazi indlela omshiye ngayo uyihlo nonyoko nelizwe lakowenu nokuba uye waza kuhlala phakathi kwabantu owawungabazi. Ngamana uYehova angakwenzela okulungileyo!’

URute uyaphendula: ‘Undiphethe ngobubele obukhulu, nkosi yam. Undenze ndonwaba ngokuthetha kwakho okuhle nam.’ UBhohazi umthanda kunene uRute yaye kungekudala bayatshata. Hayi indlela avuya ngayo uNahomi ngenxa yoku! Kodwa uNahomi uvuya ngakumbi xa uRute noBhohazi befumana unyana wabo olizibulo, ogama linguObhedi. Kamva uObhedi uba nguyisemkhulu kaDavide, esiza kufunda okuninzi ngaye kamva.

Incwadi yeBhayibhile kaRute.