Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 52

UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300

UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300

UYAYIBONA na into eyenzeka apha? Onke la ngamajoni akwaSirayeli. Amadoda aguqileyo ayasela. UMgwebi uGidiyon yile ndoda imi kufutshane nawo. Ujonge indlela asela ngayo.

Jongisisa iindlela ezahlukeneyo asela ngazo la madoda. Wambi athi nkxu ubuso bawo emanzini. Kodwa enye isela amanzi ngezandla zayo, ukuze ikubone okuqhubekayo kufutshane nayo. Le nto ibalulekile, kuba uYehova wathi uGidiyon makanyule amadoda asela ekhangele kuphela. UThixo wathi amanye makagoduswe. Masibone isizathu.

AmaSirayeli asenkathazweni enkulu kwakhona. Isizathu kukuba akamthobelanga uYehova. Abantu bakwaMidiyan bawoyisile yaye bayawenzakalisa. Ngoko amaSirayeli akhalela uncedo kuYehova, yaye uYehova uyakuphulaphula ukukhala kwawo.

UYehova uthi kuGidiyon makahlanganise umkhosi, ngoko uGidiyon ubuthela ndawonye amadoda okulwa angama-32 000. Kodwa kukho umkhosi wamadoda ali-135 000 olwa namaSirayeli. Ukanti uYehova uthi kuGidiyon: ‘Unamadoda amaninzi gqitha.’ Kwakutheni ukuze uYehova athethe oku?

Kungenxa yokuba ukuba amaSirayeli oyisile edabini, ayenokucinga ukuba oyise ngamandla awo. Ayenokucinga ukuba ayengalufuni uncedo lukaYehova ukuze aphumelele. Ngoko uYehova uthi kuGidiyon: ‘Xelela onke amadoda oyikayo agoduke.’ Xa uGidiyon ewaxelela, amadoda okulwa angama-22 000 ayagoduka. Oko kumshiya kuphela ne-10 000 lamajoni aza kulwa naloo majoni ali-135 000.

Kodwa, phulaphula! uYehova uthi: ‘Usenamadoda amaninzi gqitha.’ Ngoko uthi uGidiyon makaxelele la madoda ukuba asele kulo mlambo aze ke abagoduse bonke abantu abathi nkxu ubuso babo emanzini xa besela. ‘Ndokunika uloyiso ngamadoda angama-300 asela ekhangele,’ uYehova uyamthembisa.

Kufika ixesha lokulwa. UGidiyon wahlula amadoda angama-300 abe ngamaqela amathathu. Unika nganye uphondo, nomphanda onesibane esivuthayo ngaphakathi. Malunga nasezinzulwini zobusuku, bonke bayahlanganisana ukujikeleza inkampu yamajoni eentshaba. Kwangaxeshanye bonke bavuthela izigodlo zabo baze baphule imiphanda, baze badanduluke: ‘Ikrele likaYehova, nelikaGidiyon!’ Ekuvukeni kwamajoni aziintshaba, axakiwe yaye ayoyika. Aqalisa ukubaleka, aze amaSirayeli aphumelele edabini.