Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

Ukumkani Wokuqala KaSirayeli Kuse Ekuthinjweni EBhabhiloni

Ukumkani Wokuqala KaSirayeli Kuse Ekuthinjweni EBhabhiloni

USawule waba ngukumkani wokuqala wakwaSirayeli. Kodwa uYehova wamcekisa kwaza kwanyulwa uDavide ukuba abe ngukumkani esikhundleni sakhe. Sifumanisa izinto ezininzi ngoDavide. Ngoxa wayesengumfana walwa nengxilimbela enguGoliyati. Kamva wabaleka uKumkani uSawule owayenomona. Emva koko uAbhigali omhle wamnqanda ekwenzeni into yobudenge.

Emva koko, sifunda izinto ezininzi ngonyana kaDavide uSolomon, owangena esikhundleni sikaDavide njengokumkani wakwaSirayeli. Ngamnye kookumkani abathathu bokuqala bakwaSirayeli walawula iminyaka engama-40. Emva kokufa kukaSolomon, uSirayeli wahlulwa kubini, waba bubukumkani basentla nobasezantsi.

Ubukumkani basentla obuzizwe ezili-10 baqhuba iminyaka engama-257 ngaphambi kokutshatyalaliswa ngama-Asiriya. Emva kweminyaka eli-133, ubukumkani basezantsi bezizwe ezibini nabo batshatyalaliswa. Ngeli xesha amaSirayeli athinjelwa eBhabhiloni. Ngoko iCandelo LESINE ligubungela iminyaka engama-510 yembali yaye ebudeni belo xesha kwenzeka iziganeko ezininzi ezibangela umdla.

 

KWELI CANDELO

IBALI 56

USawule​—Ukumkani Wokuqala KaSirayeli

Wakhethwa nguThixo kodwa waphela sele engasafunwa nguThixo, sinokufunda isifundo esibalulekileyo kuSawule.

IBALI 57

UThixo Unyula UDavide

Yintoni le uThixo ayibonayo kuDavide, engabonwayo ngumprofeti uSamuweli?

IBALI 58

UDavide NoGoliyati

UDavide walwa noGoliyati, hayi ngesilingi sakhe nje, kodwa ngesixhobo esinamandla amakhulu

IBALI 59

Isizathu Sokuba UDavide Abaleke

Ekuqaleni uSawule wayemthanda uDavide, kodwa ekugqibeleni wayefuna ukumbulala. Kwakutheni?

IBALI 60

UAbhigali NoDavide

UAbhigali uthi umyeni wakhe sisidenge, kodwa loo nto isindisa kwalo myeni—kodwa okwexeshana.

IBALI 61

UDavide Umiselwa Njengokumkani

UDavide ubonisa ukuba uyakufanelekela ukuba ngukumkani wakwaSirayeli ngezinto azenzayo nangafuniyo ukuzenza.

IBALI 62

Iingxaki Endlwini KaDavide

Ngento engalunganga nje enye awayenzayo, uDavide wabangela ukuba yena nentsapho yakhe behlelwe bububi kangangeminyaka.

IBALI 63

UKumkani USolomon Osisilumko

Ngaba wayeza kumahlula ngekrele nyhani umntwana?

IBALI 64

USolomon Wakha Itempile

Nakuba wayesisilumko, uSolomon weyeliselwa ekwenzeni into ebubudenge.

IBALI 65

Ubukumkani Buyahlukana

Eqala nje ukulawula uYerobhoham, ubangela ukuba abantu baphule umthetho kaThixo.

IBALI 66

UIzebhele​—Ukumkanikazi Ongendawo

Wayenokwenza nantoni na ukuze afumane into ayifunayo.

IBALI 67

UYehoshafati Uthembela KuYehova

Kwakutheni ukuze umkhosi uye emfazweni ukhokelwa ziimvumi ezingaxhobanga?

IBALI 68

Amakhwenkwe Amabini Awavuswayo

Ngaba umntu ofileyo abavuswa aphinde aphile? Yakha yenzeka loo nto!

IBALI 69

Intombazana Inceda Igorha

Yaba nesibindi sokuthetha, nto leyo eyabangela kwenzeke ummangaliso.

IBALI 70

UYona Nentlanzi Enkulu

UYona wafunda isifundo esibalulekileyo ngokwenza umthetho kaYehova.

IBALI 71

UThixo Uthembisa Iparadesi

Iparadesi yokuqala yayincinci; le iza kuzalisa umhlaba.

IBALI 72

UThixo Unceda UKumkani UHezekiya

Ngobusuku nje obunye ingelosi ibulala amajoni aseasiriya ayi-185 000.

IBALI 73

Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli

Xa wayengaphantsi nje kwiminyaka yee-20, uYosiya waba nesibindi.

IBALI 74

Indoda Engoyikiyo

UYeremiya wayecinga ukuba mncinci kakhulu ukuba abe ngumprofeti, kodwa uThixo wayesazi ukuba angakwazi ukuprofeta.

IBALI 75

Abafana Abane EBhabhiloni

Aba bafana bane zange bayeke ukwenza ukuthanda kukaThixo ngoxa babengahlali neentsapho zabo.

IBALI 76

Ukutshatyalaliswa KweYerusalem

Kwakutheni ukuze uThixo avumele iintshaba zamaSirayeli, amaBhabhiloni atshabalalise iYerusalem?