Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 57

UThixo Unyula UDavide

UThixo Unyula UDavide

UYAYIBONA na into eyenzekileyo? Le nkwenkwe isindise eli takane kwibhere. Ibhere yafika yathi hlasi itakane iza kulitya. Kodwa inkwenkwe yayisukela yaza yalihlangula itakane emlonyeni webhere. Kwaye yathi ibhere yakuphakama, inkwenkwe yayibamba yaza yayibetha yayibulala! Kwesinye isihlandlo le nkwenkwe yasindisa enye yezimvu engonyameni. Ngaba asiyonkwenkwe ikhaliphileyo na le? Uyazi na ukuba ingubani?

Lo nguDavide oselula. Uhlala kwidolophu yaseBhetelehem. Uyisemkhulu wayenguObhedi, unyana kaRute noBhohazi. Uyabakhumbula na? Kwaye uyise kaDavide nguYese. UDavide walusa izimvu zikayise. UDavide wazalwa kwiminyaka eli-10 emva kokuba uYehova enyule uSawule ukuba abe ngukumkani.

Ekuhambeni kwexesha uYehova uthi kuSamuweli: ‘Thabatha ioli ekhethekileyo uye endlwini kaYese eBhetelehem. Ndinyule omnye woonyana bakhe ukuba abe ngukumkani.’ Xa uSamuweli ebona unyana olizibulo kaYese uEliyabhi, uthi kuye ngaphakathi: ‘Ngokwenene lo ngulowo unyulwe nguYehova.’ Kodwa uYehova uthi: ‘Musa ukukhangela ubude bakhe nobuhle bakhe. Andimnyulanga ukuba abe ngukumkani.’

Ngoko uYese ubiza unyana wakhe uAbhinadabhi aze amzise kuSamuweli. Kodwa uSamuweli uthi: ‘Hayi, uYehova akamnyulanga nalo.’ Emva koko, uYese uzisa unyana wakhe uShamaha. ‘Hayi, nalo akanyulwanga nguYehova,’ utsho uSamuweli. UYese uzisa oonyana bakhe abasixhenxe kuSamuweli kodwa uYehova akanyuli namnye kubo. ‘Aphelele na apha amakhwenkwe?’ uyabuza uSamuweli.

‘Kusekho enye encinane,’ utsho uYese. ‘Kodwa yaluse izimvu.’ Xa kuziswa uDavide, uSamuweli uyambona ukuba yinkwenkwe entle. ‘Nguye ke lo,’ utsho uYehova. ‘Mthambise ngeoli.’ Yaye uSamuweli wenjenjalo. Liza kufika ixesha lokuba uDavide abe ngukumkani wakwaSirayeli.