Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 60

UAbhigali NoDavide

UAbhigali NoDavide

UYAMAZI na lo mfazi omhle okhawulela uDavide? Igama lakhe nguAbhigali. Unengqondo yaye unqanda uDavide ekwenzeni into embi. Kodwa ngaphambi kokuba sifunde ngaloo nto, masibone obekusenzeka kuDavide.

Akuba uDavide ebalekile kuSawule, uzimela emqolombeni. Abantakwabo nentsapho yakhe iphela baya kuye apho. Kweza malunga namadoda angama-400 ewonke yaye uDavide uba yinkokeli yawo. Emva koko uDavide uya kukumkani wakwaMowabhi aze athi: ‘Khawuvumele ubawo noma bahlale nawe de ndibone okuya kundehlela.’ Kamva uDavide namadoda akhe baqalisa ukuzimela ezintabeni.

Emva koku uDavide uhlangana noAbhigali. Indoda yakhe uNabhali ngummi osisityebi. Inezimvu ezingama-3 000 neebhokhwe ezili-1 000. UNabhali yindoda ekrwada. Kodwa umkakhe uAbhigali uyinzwakazi. Kwakhona, uyakwazi ukwenza okulungileyo. Ngesinye isihlandlo wasindisa intsapho yakhe. Masibone ukuba wayisindisa njani.

UDavide namadoda akhe babenobubele kuNabhali. Bamnceda ukukhusela izimvu zakhe. Ngoko ngenye imini uDavide uthumela athile kumadoda akhe ukuba aye kucela uncedo kuNabhali. Amadoda kaDavide afika kuNabhali ngoxa yena nabasebenzi becheba izimvu. Kukho itheko yaye uNabhali unokutya okuninzi okumnandi. Ngoko amadoda kaDavide athi: ‘Sikwenzele ububele. Asizibanga izimvu zakho kodwa sincedisile ekuzaluseni. Ngoko khawuncede usiphe ukutya.’

‘Andinakuphisa ngokutya kwam kubantu abanjengani,’ utsho uNabhali. Uthetha ngendlela ekrwada aze athethe izinto ezimbi ngoDavide. Xa amadoda ebuya aze amxelele uDavide, uDavide uba nomsindo. ‘Thabathani amakrele enu!’ utsho kumadoda akhe. Yaye aqalisa uhambo lwawo ukuya kubulala uNabhali nabantu bakhe.

Omnye wamadoda kaNabhali, oyivileyo indlela athethe krwada ngayo uNabhali, uxelela uAbhigali okwenzekileyo. Kwangoko uAbhigali ulungisa ukutya. Ukubeka kuma-esile aze aqalise uhambo lwakhe. Xa edibana noDavide, uyehla kwi-esile lakhe, aqubude aze athi: ‘Inkosi yam mayinganikeli ngqalelo kwindoda yam uNabhali. Usisidenge yaye wenza izinto zobudenge. Nasi isipho. Khawusamkele, uze usixolele ngokwenzekileyo.’

‘Ungumfazi olumkileyo,’ uyaphendula uDavide. ‘Undinqandile ekumbulaleni uNabhali ukuphindezela ubukrwada bakhe. Hamba ugoduke unoxolo.’ Kamva, ekufeni kukaNabhali, uAbhigali uba ngomnye wabafazi bakaDavide.