Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 61

UDavide Umiselwa Njengokumkani

UDavide Umiselwa Njengokumkani

KWAKHONA uSawule uzama ukubamba uDavide. Uthabatha awona majoni akhe anamandla angama-3 000 aye kumkhangela. Xa esiva ngale nto uDavide, uthumela iintlola ziye kukhangela ukuba uSawule namadoda akhe balalise phi na ngobo busuku. UDavide ubuza amadoda akhe amabini: ‘Ngubani kuni oza kuya nam enkampini kaSawule?’

‘Ndiya kuhamba nawe,’ uyaphendula uAbhishayi. UAbhishayi ngunyana wodadeboDavide uTseruya. Ngoxa uSawule namadoda akhe belele, uDavide noAbhishayi bayachwechwa bangene enkampini. Bathabatha umkhonto kaSawule nomphanda wakhe wamanzi, ngakwintloko kaSawule. Akukho mntu ubabonayo okanye ubevayo kuba bonke balele yoyi.

Khawukhangele uDavide noAbhishayi. Bemkile, yaye basencotsheni yentaba. UDavide umemeza intloko yomkhosi wamaSirayeli: ‘Abhinere, kutheni na ungayikhuseli inkosi yakho, ukumkani? Khangela! Uphi na umkhonto wayo nomphanda wayo wamanzi?’

USawule uyavuka. Uyaliva ilizwi likaDavide, aze abuze: ‘Nguwe na lowo, Davide?’ Uyambona na uSawule noAbhinere ezantsi phayaa?

‘Ewe, nkosi yam, kumkani,’ uDavide uphendula uSawule. Aze uDavide abuze: ‘Kutheni na ufuna ukundibamba nje? Ndenze ntoni na embi? Nanku umkhonto wakho, kumkani. Enye yamadoda akho mayize kuwuthabatha.’

‘Ndonile,’ uyavuma uSawule. ‘Ndenze ngobudenge.’ Emva koko uDavide uhamba indlela yakhe, aze uSawule agoduke. Kodwa uDavide uthi kuye ngaphakathi: ‘Ngenye imini uSawule uya kuze andibulale. Mandibalekele ezweni lamaFilisti.’ Yaye wenjenjalo. UDavide uyawakhohlisa amaFilisti aze awenze akholelwe ukuba ngoku ungakwicala lawo.

Ngaxa lithile kamva amaFilisti alwa namaSirayeli. Edabini, kufa uSawule noYonatan. Le nto imenza buhlungu gqitha uDavide, aze abhale ingoma emnandi, ethi: ‘Ndibandezelekile ngenxa yakho, mntakwethu Yonatan. Ubuthandeka kakhulu kum!’

Emva koku uDavide ubuyela kwaSirayeli kwisixeko saseHebron. Kukho imfazwe phakathi kwamadoda anyula unyana kaSawule uIshe-bhosheti ukuba abe ngukumkani namanye amadoda afuna uDavide abe ngukumkani. Kodwa ekugqibeleni kuphumelela amadoda kaDavide. UDavide unama-30 eminyaka ubudala xa emiselwa njengokumkani. Kwiminyaka esixhenxe enesiqingatha ulawula eHebron. Abanye boonyana bakhe abazalelwa apho nguAmnon, uAbhisalom noAdoniya.

Kufika ixesha lokuba uDavide namadoda akhe baye kuthimba isixeko esihle saseYerusalem. UYowabhi, omnye unyana wodadeboDavide uTseruya, uyakhokela emfazweni. Ngoko uDavide uvuza uYowabhi ngokumenza intloko yomkhosi wakhe. Ngoku uDavide uqalisa ukulawula esixekweni saseYerusalem.