Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 62

Iingxaki Endlwini KaDavide

Iingxaki Endlwini KaDavide

EMVA kokuba uDavide eqalise ukulawula eYerusalem, uYehova ubangela ukuba umkhosi wakhe woyise iintshaba zawo izihlandlo ezininzi. UYehova wayethembise amaSirayeli ukuwanika ilizwe lakwaKanan. Yaye ngoku, ngoncedo lukaYehova, lonke ilizwe awalithenjiswayo liba lelawo ekugqibeleni.

UDavide ungumlawuli olungileyo. Uyamthanda uYehova. Ngoko enye yezinto zokuqala azenzayo emva kokuthimba iYerusalem kukuzisa ityeya yomnqophiso kaYehova apho. Yaye ufuna ukwakha itempile angayibeka kuyo.

Xa uDavide sele ekhulile, wenza impazamo embi. UDavide uyazi ukuba kuphosakele ukuthabatha into yomnye umntu. Kodwa ngolunye urhatya, xa eseluphahleni lwebhotwe lakhe, ujonga ezantsi aze abone umfazi omhle kakhulu. Igama lakhe nguBhatshebha yaye indoda yakhe ngomnye wamajoni kaDavide ogama lingu-Uriya.

UDavide unqwenela uBhatshebha kangangokuba uthi makaziswe ebhotwe. Indoda yakhe ayikho isemfazweni. UDavide uba neentlobano zesini naye aze kamva umfazi afumanise ukuba uza kuba nomntwana. UDavide ukhathazeka gqitha aze athumele ilizwi kwintloko yomkhosi wakhe uYowabhi ukuba u-Uriya abekwe phambili edabini apho aya kubulawa khona. Akuba u-Uriya efile, uDavide utshata noBhatshebha.

UYehova uba nomsindo kakhulu yile nto yenziwe nguDavide. Ngoko uthumela umkhonzi wakhe uNatan ukuba aye kumxelela ngezono zakhe. Nanko uNatan phayaa ethetha noDavide. UDavide ubuhlungu gqitha ngento ayenzileyo yaye ngoko uYehova akambulali. Kodwa uYehova uthi: ‘Kuba wenze obu bubi, kuya kubakho iingxaki ezininzi kwindlu yakho.’ Yaye ezinjani zona iingxaki ezehlela uDavide!

Kuqala, unyana kaBhatshebha uyafa. Emva koko uAmnon olizibulo likaDavide uvalela udadewabo uTamare aze amnyanzele ukuba alale naye. Unyana kaDavide uAbhisalom ucaphuka gqitha yile nto aze ambulale uAmnon. Kamva, uAbhisalom uthandwa ngabantu abaninzi aze azenze ukumkani. Ekugqibeleni, uDavide uyamoyisa uAbhisalom emfazweni, aze abulawe. Ewe, uDavide wehlelwa ziingxaki ezininzi.

Ebudeni beli thuba, uBhatshebha uzala unyana ogama linguSolomon. Xa uDavide sele aluphele yaye egula, unyana wakhe uAdoniya uzama ukuzenza ukumkani. Emva koko uDavide uxelela umbingeleli ogama linguTsadoki ukuba agalele ioli kwintloko kaSolomon ukubonisa ukuba uSolomon woba ngukumkani. Ngokukhawuleza emva koko uDavide uyafa eneminyaka engama-70 ubudala. Walawula iminyaka engama-40 kodwa ngoku nguSolomon ukumkani wakwaSirayeli.