Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 65

Ubukumkani Buyahlukana

Ubukumkani Buyahlukana

UYASAZI na isizathu sokuba le ndoda iyikrazule ibe ziziqwenga ingubo yayo? UYehova wayixelela ukuba yenjenjalo. Le ndoda ngumprofeti kaThixo uAhiya. Uyazi na ukuba umprofeti yintoni? Ngumntu oxelelwa nguThixo izinto ngaphambi kokuba zenzeke.

Apha uAhiya uthetha noYerobhoham. UYerobhoham yindoda uSolomon awayenza umveleli komnye umsebenzi wokwakha. Xa uAhiya edibana noYerobhoham endleleni, uAhiya wenza into emangalisayo. Ukhulula ingubo yakhe entsha ayinxibileyo aze ayikrazule ibe ziziqwenga ezili-12. Uthi kuYerobhoham: ‘Zithabathele iziqwenga ezili-10.’ Uyasazi na isizathu sokuba uAhiya anike uYerobhoham iziqwenga ezili-10?

UAhiya uyachaza ukuba uYehova uza kubuthabatha ubukumkani kuSolomon. Uthi uYehova uza kunika uYerobhoham izizwe ezili-10. Oku kuthetha ukuba uRehobhoham, unyana kaSolomon uza kusala elawula izizwe ezibini kuphela.

Xa uSolomon esiva okuthethwe nguAhiya kuYerobhoham, uba nomsindo gqitha. Uzama ukumbulala uYerobhoham. Kodwa uYerobhoham ubalekela eYiputa. Emva kwethuba elithile uSolomon uyafa. Ubengukumkani iminyaka ema-40 kodwa ngoku kumiselwa unyana wakhe uRehobhoham njengokumkani. Ngoxa eseYiputa, uYerobhoham uva ukuba uSolomon ufile, ngoko ubuyela kwaSirayeli.

URehobhoham akangokumkani ulungileyo. Uthi chatha ukungabi nanceba ebantwini kunokuba uyise uSolomon ebenjalo. UYerobhoham namanye amadoda adumileyo baya kuKumkani uRehobhoham baze bamcele ukuba abaphathe kakuhle abantu. Kodwa uRehobhoham akaphulaphuli. Enyanisweni, ubacinezela ngakumbi kunangaphambili. Ngoko abantu bamisela uYerobhoham ukuba abe ngukumkani kwizizwe ezili-10 kodwa izizwe ezibini, esakwaBhenjamin nesakwaYuda ziqhubeka ziphantsi kokumkani uRehobhoham.

UYerobhoham akafuni abantu bakhe baye kunqula eYerusalem etempileni kaYehova. Ngoko wenza amathole amabini egolide aze athi abantu bobukumkani bezizwe ezili-10 mabanqule wona. Kungekudala ilizwe lizaliswa lulwaphulo-mthetho nogonyamelo.

Kuvela ingxaki nakubukumkani bezizwe ezibini. Kwiminyaka engaphantsi kwemihlanu emva kokuba uRehobhoham emiselwe njengokumkani, ukumkani waseYiputa ulwa neYerusalem. Uthabatha ubutyebi obuninzi etempileni kaYehova. Ngoko itempile ayihlali xesha lide injengokuba yayinjalo ekwakhiweni kwayo.