Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 67

UYehoshafati Uthembela KuYehova

UYehoshafati Uthembela KuYehova

UYAZI na ukuba ngoobani la madoda yaye uyazi ukuba enza ntoni? Aya edabini yaye amadoda ami ngaphambili avuma iingoma. Kodwa usenokubuza: ‘Kutheni iimvumi zingenawo nje amakrele nemikhonto yokulwa?’ Masibone.

UYehoshafati ngukumkani wobukumkani bezizwe ezibini zakwaSirayeli. Uphila ngaxeshanye noKumkani uAhabhi nolzebhele wobukumkani basentla bezizwe ezili-10. Kodwa uYehoshafati ngukumkani olungileyo yaye noyise uAsa wayengukumkani olungileyo. Ngoko iminyaka emininzi abantu abaphantsi kobukumkani basezantsi bezizwe ezibini baphila kamnandi.

Kodwa ngoku kwenzeka into ebangela abantu boyike. Abathunywa bathi kuYehoshafati: ‘Umkhosi omkhulu ovela kwilizwe lakwaMowabhi, nakwa-Amoni nakwiNtaba yaseSehire uze kukuhlasela.’ AmaSirayeli amaninzi ahlanganisana eYerusalem ukuze afune uncedo kuYehova. Aya etempileni aze uYehoshafati athandaze: ‘Yehova Thixo wethu, asazi ukuba masenze ntoni. Asinamandla okumelana nalo mkhosi mkhulu. Sikhangele kuwe ukuba usincede.’

UYehova uyaphulaphula yaye uthi komnye umkhonzi wakhe makathi ebantwini: ‘Idabi asilolenu, lelikaThixo. Anisayi kulwa. Bukelani nje, nize nibone indlela aya kunisindisa ngayo uYehova.’

Ngengomso uYehoshafati uthi ebantwini: ‘Thembelani kuYehova!’ Wandula ke abeke iimvumi phambi kwamajoni akhe yaye njengokuba behamba bavuma iindumiso kuYehova. Ngaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni xa besondela edabini? UYehova ubangela ukuba amajoni elinye icala alwe odwa. Yaye ekufikeni kwamaSirayeli, onke amajoni elinye icala afile!

Yayingebobulumko na ngoYehoshafati ukuba athembele kuYehova? Siya kuba silumkile nathi ukuba sithembela kuye.