Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 68

Amakhwenkwe Amabini Awavuswayo

Amakhwenkwe Amabini Awavuswayo

UKUBA ubufile, ubenokuvakalelwa njani unyoko xa ubuyiselwe ebomini kwakhona? Ubengavuya gqitha! Kodwa ngaba umntu ofileyo unokubuya aphile kwakhona? Yakha yenzeka na into enjalo ngaphambili?

Khangela le ndoda ilapha, kwanomfazi nenkwenkwana. Indoda ngumprofeti uEliya. Umfazi ngumhlolokazi wesixeko saseTsarefathi yaye inkwenkwe ngunyana wakhe. Ngenye imini inkwenkwe iyagula. Igula kakhulu de ekugqibeleni ife. UEliya uthi kulo mfazi: ‘Ndinike unyana wakho.’

UEliya unyuka nomntwana ofileyo amse egumbini eliphezulu aze amlalise emandlalweni. Emva koko uthandaza enjenje: ‘Yehova, khawuyiphilise kwakhona le nkwenkwe.’ Inkwenkwe iqalisa ukuphefumla! Ngoko uEliya wehla nayo kwakhona aze athi kumfazi: ‘Khangela, unyana wakho uyaphila!’ Kungenxa yoko le nto unina evuya kangaka.

Omnye umprofeti kaYehova obalulekileyo nguElisha. Uncedisana noEliya. Kodwa ekuhambeni kwexesha uYehova uyamsebenzisa noElisha ukwenza imimangaliso. Ngenye imini uElisha uya esixekweni saseShunem apho enzelwa ububele obukhulu ngumfazi othile. Kamva lo mfazi ufumana umntwana oyinkwenkwe.

Ngenye intsasa, xa lo mntwana sele ekhulile, uya kuyise osebenza emasimini. Ngequbuliso le nkwenkwe iyakhala: ‘Intloko yam ibuhlungu!’ Yakuba igodusiwe, inkwenkwe iyafa. Hayi indlela abuhlungu ngayo unina! Kwangoko uyahamba aye kulanda uElisha.

Ekufikeni kukaElisha, ungena egumbini elinomntwana ofileyo. Uyathandaza kuYehova, aze alale phezu komzimba womntwana. Kungekudala umzimba wenkwenkwe uyafudumala, ize ithimle izihlandlo ezisixhenxe. Hayi indlela avuya ngayo unina xa engena aze afike iphilile inkwenkwe yakhe!

Baninzi gqitha abantu abafileyo. Le nto izenza buhlungu gqitha iintsapho zabo nabahlobo. Asinawo amandla okuvusa abafileyo. Kodwa uYehova unawo. Kamva siza kufunda indlela aya kubuyisela ngayo ebomini izigidi ezininzi zabantu abafileyo.