Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 70

UYona Nentlanzi Enkulu

UYona Nentlanzi Enkulu

KHANGELA laa ndoda isemanzini. Isengxakini, akunjalo? Iza kuginywa yilaa ntlanzi! Ngaba uyazi ukuba ngubani le ndoda? Igama layo nguYona. Masibone ukuba ingene njani na kule ngxaki.

UYona ngumprofeti kaYehova. Kungekudala emva kokuba umprofeti uElisha efile, uYehova uthi kuYona: ‘Yiya kwisixeko esikhulu saseNineve. Apho ububi babantu bukhulu gqitha yaye ndifuna ubaxelele ngobo bubi.’

Kodwa uYona akafuni ukuya. Ngoko ukhwela enqanaweni eya kwelinye icala elikude neNineve. UYehova akayithandi le nto yokubaleka kukaYona. Ngoko ubangela ukuba kubekho isaqhwithi esikhulu. Sikhulu kangangokuba inqanawa isengozini yokuzika. Oomatiloshe boyika kunene yaye bayakhala becela uncedo koothixo babo.

Ekugqibeleni, uYona uthi kubo: ‘Ndingumnquli kaYehova, uThixo owenza izulu nomhlaba. Yaye ndibaleka ukwenza oko ndikuxelelwe nguYehova.’ Ngoko oomatiloshe bayabuza: ‘Sikwenze ntoni na ukuze siphelise esi saqhwithi?’

‘Ndiphoseni elwandle yaye ulwandle luya kuzola kwakhona,’ utsho uYona. Oomatiloshe abafuni ukumphosela elwandle kodwa njengokuba umoya usiya uba mkhulu ngakumbi, ekugqibeleni bamphosa ngaphandle kwenqanawa uYona. Ngoko nangoko isaqhwithi siyaphela yaye ulwandle luyazola kwakhona.

Njengokuba uYona ezika emanzini, uginywa yintlanzi enkulu. Kodwa akafi. Uba sesiswini saloo ntlanzi, iintsuku ezintathu nobusuku bazo. UYona ubuhlungu gqitha kuba engamthobelanga uYehova aze aye eNineve. Ngaba uyazi ukuba wenza ntoni?

UYona uthandaza kuYehova ecela uncedo. Ngoko uYehova ubangela ukuba intlanzi ihlanzele uYona kumhlaba owomileyo. Emva koko uYona uya eNineve. Ngaba oku akusifundisi ukubaluleka kokwenza konke okuthethwa nguYehova?

Incwadi yeBhayibhile kaYona.