Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 71

UThixo Uthembisa Iparadesi

UThixo Uthembisa Iparadesi

LO NGUMFANEKISO weparadesi ekusenokwenzeka ukuba uThixo wayibonisa umprofeti wakhe uIsaya. UIsaya waphila kwisithuba nje esifutshane emva koYona.

Igama elithi iparadesi lithetha “umyezo” okanye “ipaki.” Ngaba oku kukukhumbuza ngento osele uyibonile kule ncwadi? Ifana nomyezo omhle uYehova uThixo awayewenzele uAdam noEva, akunjalo? Kodwa ngaba umhlaba uya kuze ube yiparadesi wonke?

UYehova waxelela umprofeti wakhe uIsaya ukuba abhale ngeparadesi entsha ezayo yabantu bakaThixo. Wathi: ‘Iingcuka nezimvu ziya kuhlala kunye ngoxolo. Amathole eenkomo neengonyama ezintsha ziya kudla ndawonye yaye ziya kunyanyekelwa ngabantwana abancinane. Kwanosana alusayi kwenzakaliswa ukuba ludlala kufuphi nenyoka enobuhlungu.’

‘Le nto ayinakuze yenzeke,’ abaninzi basenokutsho. ‘Bekusoloko kukho iingxaki emhlabeni yaye ziya kusoloko zikho.’ Kodwa khawucinge ngale nto: UThixo wabanika ikhaya elinjani uAdam noEva?

UThixo wabeka uAdam noEva eparadesi. Kungenxa yokuba bengazange bamthobele uThixo le nto baphulukanayo nekhaya labo elihle, baluphala baza bafa. UThixo uthembisa ukuba uya kunika abantu abamthandayo ezo zinto uAdam noEva baphulukana nazo.

Kwiparadesi entsha ezayo akukho nto iya kwenzakalisa okanye itshabalalise. Kuya kubakho uxolo olugqibeleleyo. Bonke abantu baya kuba sempilweni naselonwabeni. Kuya kuba njengokuba uThixo wayefuna kube njalo ekuqaleni. Kodwa siza kufunda kamva ngendlela uThixo aya kukwenza ngayo oku.