Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 73

Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli

Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli

UYOSIYA uneminyaka esibhozo kuphela ubudala ekumiselweni kwakhe njengokumkani wezizwe ezibini zakwaSirayeli. Usemncinane gqitha ukuba abe ngukumkani. Ngoko kuqala uncedwa ngabantu abathile abadala ukulawula uhlanga.

Xa sele kudlule iminyaka esixhenxe uYosiya engukumkani, uqalisa ukufuna uYehova. Ulandela umzekelo wookumkani abalungileyo abanjengoDavide, uYehoshafati noHezekiya. Ngoko ke, esekwishumi elivisayo, uYosiya wenza isenzo senkalipho.

Kangangexesha elide inkoliso yamaSirayeli ibingabantu ababi gqitha. Banqula oothixo bobuxoki. Baqubuda kwizithixo. Ngoko uYosiya uphuma namadoda akhe aze aqalise ukushenxisa unqulo lobuxoki elizweni. Lo ngumsebenzi omkhulu kuba abantu abaninzi banqula oothixo bobuxoki. Nanko uYosiya namadoda akhe beqhekeza izithixo.

Emva koko uYosiya umisela amadoda amathathu ukuba akhokele ekulungisweni kwetempile kaYehova. Kuqokelelwa imali ebantwini ize inikwe la madoda ukuze kwenziwe umsebenzi. Ngoxa esebenza etempileni, umbingeleli omkhulu uHilekiya ufumana into ebaluleke gqitha apho. Yincwadi yomthetho awathi uYehova mayibhalwe nguMoses mandulo. Yayilahlekile kangangeminyaka emininzi.

Le ncwadi isiwa kuYosiya aze acele ukuba ayifundelwe. Njengokuba ephulaphule, uYosiya uyabona ukuba abantu bebengawugcini umthetho kaYehova. Uba buhlungu gqitha ngenxa yale nto aze azikrazule iimpahla zakhe, njengokuba umbona apha. Uthi: ‘UYehova usiqumbele, kuba oobawo abayigcinanga imithetho ebhalwe kule ncwadi.’

UYosiya uyalela umbingeleli omkhulu uHilekiya ukuba azame ukuqonda ukuba uza kwenza ntoni na uYehova ngabo. UHilekiya uya kumfazi onguHulida, umprofetikazi, aze ambuze. UHulida umnika olu daba luvela kuYehova ukuba aludlulisele kuYosiya: ‘Iya kohlwaywa iYerusalem nabo bonke abantu kuba abantu bebenqula oothixo bobuxoki nelizwe lizaliswe bububi. Kodwa kuba wena, Yosiya, wenze okulungileyo, esi sohlwayo asiyi kuza de kube semva kokufa kwakho.’