Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 77

Abazange Bavume Ukuqubuda

Abazange Bavume Ukuqubuda

UYAKHUMBULA na usiva ngaba bafana bathathu? Ewe, ngabahlobo bakaDaniyeli abalayo ukutya ukudla okwakungabalungelanga. AmaBhabhiloni ababiza ngokuthi nguShadraki, uMeshaki noAbhednego. Kodwa bajonge ngoku. Kutheni bengaqubudi nje kulo mfanekiso mkhulu njengokuba besenza bonke abanye? Masibone.

Uyayikhumbula na imithetho eyabhalwa nguYehova ngenkqu ekuthiwa yiMiyalelo Elishumi? Owokuqala kuyo uthi: ‘Uze unganquli abanye oothixo ngaphandle kwam.’ Abafana abalapha bathobela loo mthetho, nakubeni kungento ilula ukuyenza.

UNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni ubize abantu abaninzi abadumileyo ukunikela imbeko kulo mfanekiso awumisileyo. Usandul’ ukuthi kubantu bonke: ‘Ekuveni kwenu isandi sezigodlo, seehadi nesezinye izinto zokudlala umculo, qubudani nize ninqule lo mfanekiso wegolide. Nabani na ongaqubudiyo aze anqule uya kuphoselwa ezikweni elivutha umlilo ngoko nangoko.’

Xa uNebhukadenetsare esiva ukuba uShadraki, uMeshaki noAbhednego abaqubudanga, uyabhavuma ngumsindo. Uthi mabaziswe kuye. Ubanika elinye ithuba lokuqubuda. Kodwa abafana bathembele kuYehova. ‘UThixo wethu esimkhonzayo uyakwazi ukusisindisa,’ batsho kuNebhukadenetsare. ‘Kodwa nokuba akasisindisi, asisayi kuqubuda kumfanekiso wakho wegolide.’

Ekuveni oku, uNebhukadenetsare uyagqithisela ukuba nomsindo. Kukho iziko lomlilo elikufutshane yaye uyayalela: ‘Lenzeni shushu ngokuphindwe kasixhenxe kunangaphambili!’ Uthi ke kumadoda anamandla omkhosi wakhe mawabophe uShadraki, uMeshaki noAbhednego aze abaphosele ezikweni lomlilo. Iziko lomlilo lishushu kangangokuba loo madoda anamandla abulawa ngamalangatye. Kodwa kuthekani ngabafana abathathu abaphoselwa phakathi?

Ukumkani ukhangela ezikweni lomlilo, aze abe noloyiko olukhulu. ‘Besingabophanga amadoda amathathu na saza sawaphosela ezikweni elivutha umlilo?’ uyabuza.

‘Ewe, kunjalo,’ bayaphendula abakhonzi bakhe.

‘Kodwa ndibona amadoda amane ehambahamba emlilweni,’ utsho. ‘Awabotshwanga, yaye umlilo awuwenzakalisi. Le yesine ikhangeleka njengothixo.’ Ukumkani usondela kumnyango weziko lomlilo aze akhwaze: ‘Shadraki! Meshaki! Abhednego! Phumani, bakhonzi bOyena Thixo Uphakamileyo!’

Ekuphumeni kwabo, wonk’ ubani uyabona ukuba abenzakaliswanga. Uthi ke ukumkani: ‘Makadunyiswe uThixo kaShadraki, kaMeshaki noka-Abhednego! Uthumele ingelosi yakhe yaza yabasindisa kuba bengaqubudanga baza banqula nawuphi na uthixo ngaphandle kowabo.’

Ngaba lo asingomzekelo mhle wokuthembeka kuYehova esimele siwulandele?