Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 79

UDaniyeli Emhadini Weengonyama

UDaniyeli Emhadini Weengonyama

KWOWU! Ingathi uDaniyeli usenkathazweni enkulu. Kodwa iingonyama azimenzakalisi! Ngaba uyasazi isizathu? Ufakwe ngubani uDaniyeli apha kwezi ngonyama? Masifumanise.

Ngoku ukumkani waseBhabhiloni yindoda egama linguDariyo. Umthanda gqitha uDaniyeli kuba uDaniyeli unobubele yaye ulumkile. UDariyo unyula uDaniyeli ukuba ngumongameli ebukumkanini bakhe. Le nto yenza amanye amadoda asebukumkanini ammonele uDaniyeli, ngoko nantsi into eyenziwa ngala madoda.

Aya kuDariyo aze athi: ‘Sivumelene, kumkani, ukuba kufuneka umisele umthetho othi kangangeentsuku ezingama-30 akukho bani umele athandaze komnye uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, kumkani. Ukuba kukho umntu ongathobeliyo, makaphoselwe ezingonyameni.’ UDariyo akasazi isizathu sokuba la madoda afune kumiselwe lo mthetho. Kodwa ucinga ukuba licebo elihle elo, ngoko uwubhala phantsi. Ngoku lo mthetho awunakutshintshwa.

Ekuveni kukaDaniyeli ngalo mthetho, uyagoduka aze athandaze, njengokuba ebesoloko esenza. Amadoda angendawo ayesazi ukuba uDaniyeli akanakuyeka ukuthandaza kuYehova. Ayavuya, kuba kubonakala ngathi icebo lawo lokushenxisa uDaniyeli liyasebenza.

Ekuveni kukaKumkani uDariyo isizathu sokuba la madoda efuna kwenziwe lo mthetho, uba buhlungu gqitha. Kodwa akanakuwutshintsha umthetho, ngoko kufuneka eyalele ukuba uDaniyeli aphoswe emhadini weengonyama. Kodwa ukumkani uthi kuDaniyeli: ‘Kwanga uThixo wakho omkhonzayo angakusindisa.’

UDariyo uphazamiseka kangangokuba akalali ngobo busuku. Ngentsasa elandelayo uyabaleka aye emhadini weengonyama. Unokumbona phayaa. Uyakhwaza: ‘Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo! Ukwazile na ukukusindisa ezingonyameni uThixo wakho omkhonzayo?’

‘UThixo uthumele ingelosi yakhe,’ uyaphendula uDaniyeli, ‘yaza yayivala imilomo yeengonyama ukuze zingandenzakalisi.’

Ukumkani uvuya gqitha. Uyalela ukuba uDaniyeli akhutshwe emhadini. Ke uthi laa madoda angendawo ebezama ukubulala uDaniyeli makaphoselwe ezingonyameni. Kwanangaphambi kokufika ezantsi emhadini, abanjwa ziingonyama zize ziwaphule amathambo onke.

Ngoko ke uKumkani uDariyo ubhalela bonke abantu ebukumkanini bakhe: ‘Ndiyalela ukuba bonke abantu mabahlonele uThixo kaDaniyeli. Wenza imimangaliso emikhulu. Umsindisile uDaniyeli ekuqwengweni ziingonyama.’