Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 83

Iindonga ZeYerusalemi

Iindonga ZeYerusalemi

KHANGELA wonke umsebenzi owenziwa apha. AmaSirayeli axakekile akha iindonga zeYerusalem. Xa uKumkani uNebhukadenetsare watshabalalisa iYerusalem kwiminyaka eli-152 ngaphambili, wazidiliza iindonga waza wawatshisa amasango eso sixeko. AmaSirayeli akazange azakhe kwakhona iindonga ukufika kwawo okokuqala evela eBhabhiloni.

Ucinga ukuba abantu bavakalelwa njani xa babehleli apha yonke le minyaka zingekho iindonga? Baziva benganqabisekanga. Iintshaba zabo zazinokungena ngokulula zize zibahlasele. Kodwa ngoku le ndoda inguNehemiya ekugqibeleni inceda abantu ukuzakha ngokutsha iindonga. Ngaba uyazi ukuba ngubani uNehemiya?

UNehemiya ngumSirayeli ovela kwisixeko saseShushan, apho kuhlala uMordekayi noEstere. UNehemiya wayesebenza kwibhotwe lokumkani, ngoko unokuba wayengumhlobo osenyongweni kaMordekayi noKumkanikazi uEstere. Kodwa iBhayibhile ayitsho ukuba uNehemiya wayesebenzela umyeni kaEstere, uKumkani uAhaswerosi. Wasebenzela ukumkani olandelayo, uArtashashta.

Khumbula, uArtashashta ngukumkani olungileyo owanika uEzra yonke loo mali wagoduka nayo ukuya eYerusalem ukuze alungise itempile kaYehova. Kodwa uEzra akazange azakhe iindonga zesixeko ezidilikileyo. Masibone ukuba yena uNehemiya wawenza njani lo msebenzi.

Sekuli-13 leminyaka okokoko uArtashashta wanika uEzra imali yokulungisa itempile. Ngoku uNehemiya ungumngcamli kaKumkani uArtashashta. Oku kuthetha ukuba ulungiselela ukumkani iwayini, aze aqinisekise ukuba akukho bani uzama ukufaka ityhefu kuyo. Ngumsebenzi obaluleke gqitha lo.

Ngamhla uthile umntakwaboNehemiya uHanani namanye amadoda avela kwilizwe lakwaSirayeli beza kubona uNehemiya. Bamxelela ngenkathazo efunyanwa ngamaSirayeli nokuba iindonga zeYerusalem zisadilikile. Le nto imenza buhlungu gqitha uNehemiya, aze athandaze ngayo kuYehova.

Ngenye imini ukumkani uphawula ukuba uNehemiya ubuhlungu, aze abuze: ‘Kutheni ukhangeleka ulusizi?’ UNehemiya uyamxelela ukuba kungenxa yokuba iYerusalem ikwimeko embi neendonga zidilikile. ‘Ufuna ntoni na?’ uyabuza ukumkani.

‘Khawundivumele ndiye eYerusalem,’ utsho uNehemiya, ‘ukuze ndizakhe ngokutsha iindonga.’ UKumkani uArtashashta unobubele. Uthi angahamba uNehemiya, yaye uyamnceda afumane imithi yokwakha. Kungekudala uNehemiya efikile eYerusalem, uxelela abantu ngoko aceba ukukwenza. Bayavumelana naye, baze bathi: ‘Masiqalise ukwakha.’

Xa iintshaba zamaSirayeli zibona udonga luphakama, zithi: ‘Siya kuya sibabulale, size siwuyekise umsebenzi wokwakha.’ Kodwa uNehemiya uyakuva oku, aze anike abasebenzi amakrele nemikhonto. Uthi: ‘Musani ukuzoyika iintshaba zethu. Lwelani abantakwenu, abantwana benu, abafazi benu, namakhaya enu.’

Abantu banenkalipho gqitha. Izixhobo zabo zihlala zilungile imini nobusuku, baze baqhubeke nokwakha. Ngoko kwiintsuku nje ezingama-52 iindonga zigqityiwe. Ngoku abantu banokuziva benqabisekile ngaphakathi kwesixeko. UNehemiya noEzra bafundisa abantu umthetho kaThixo yaye abantu bonwabile.

Kodwa izinto azisafani nangaphambi kokuthinjelwa kwamaSirayeli eBhabhiloni njengamabanjwa. Abantu balawulwa ngukumkani wasePersi yaye kufuneka bamkhonze. Kodwa uYehova ubathembisile ukuba uya kuthumela ukumkani omtsha, nokuba lo kumkani uya kubazisela uxolo abantu. Ngubani lo kumkani? Uya kuluzisa njani uxolo emhlabeni? Kudlula malunga neminyaka engama-450 kungaviwa nto ngaye. Emva koko kuzalwa umntwana obalulekileyo. Kodwa elo lelinye ibali.