ICANDELO 6
Ukuzalwa KukaYesu Kuse Ekufeni Kwakhe
Ingelosi uGabriyeli yathunyelwa kwintombi entle egama linguMariya. Yayixelela ukuba iza kufumana umntwana oya kulawula njengokumkani ngonaphakade. Usana olunguYesu, lwazalelwa esitalini, apho lwatyelelwa ngabelusi. Kamva, inkwenkwezi yakhokelela amadoda avela eMpuma kumntwana lowo. Siza kufunda ukuba ngubani owawabangela ukuba abone loo nkwenkwezi, nendlela uYesu awasindiswa ngayo kwiinzame zokumbulala.
Emva koko, sifumana uYesu xa wayene-12 leminyaka ubudala, ethetha nabefundisi etempileni. Emva kweminyaka eli-18 uYesu wabhaptizwa, waza ke waqalisa umsebenzi wokushumayela uBukumkani nokufundisa awayewuthunywe nguThixo ukuba awenze emhlabeni. UYesu wanyula amadoda ali-12 ukuze amncedise kulo msebenzi waza wawenza abapostile bakhe.
Kwakhona uYesu wenza imimangaliso emininzi. Wondla amawaka abantu ngeentlanzi nje ezimbalwa nezonka ezimbalwa. Waphilisa abagulayo waza wavusa nabafileyo. Ekugqibeleni, sifunda izinto ezininzi ezenzeka kuYesu ngosuku lokugqibela lobomi bakhe, nendlela awabulawa ngayo. UYesu washumayela malunga neminyaka emithathu enesiqingatha, ngoko iCANDELO 6 ligubungela isihlandlo esingaphezulu kancinane kweminyaka engama-34.
KWELI CANDELO
IBALI 84
Ingelosi Ityelela UMariya
Uzisa lo myalezo uvela kuThixo: UMariya uza kuba nomntwana oza kuba ngukumkani ngonaphakade.
IBALI 85
UYesu Uzalelwa Esitalini
Kwakutheni ukuze umntu oza kuba ngukumkani azalelwe kwindwawo ekutyiswa kuyo izilwanyana?
IBALI 86
Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi
Ngubani owakhokelela abavuminisi ngeenkwenkwezi kuYesu? Mhlawumbi impendulo iza kumangalisa.
IBALI 88
UYohane Ubhaptiza UYesu
UYohane ebebhaptiza aboni, kodwa uYesu akazange one. Kwakutheni ukuze uYohane ambhaptize?
IBALI 91
UYesu Ufundisa ENtabeni
Funda ubulumko obungaphelelwa xesha kwiNtshumayelo yakhe yasENtabeni.
IBALI 92
UYesu Uvusa Abafileyo
Ngamandla kaThixo, uYesu wathetha nje amagama amabini alula yavuka intombi kaYayiro.
IBALI 93
UYesu Wondla Abantu Abaninzi
Ngokondla abantu abaninzi ngendlela engummangaliso, yintoni ebalulekileyo eyayiboniswa nguYesu?
IBALI 94
Uyabathanda Abantwana
UYesu ufundisa abapostile ukuba kuninzi ekusafuneka bakufunde ngabantwana nasebantwaneni.
IBALI 95
Ukufundisa KukaYesu
Umzekeliso kaYesu wommelwane ongumSamariya yindlela yokufundisa awayeyisebenzisa phantse lonke ixesha.
IBALI 97
UYesu Uza Njengokumkani
Abantu abaninzi bayamakela, kodwa ayibavuyisi bonke into yokuba engukumkani.
IBALI 99
Egumbini Eliphezulu
Kwakutheni ukuze uYesu axelele abafundi bakhe ukuba benze esi sidlo sikhethekileyo nyaka ngamnye?