Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 84

Ingelosi Ityelela UMariya

Ingelosi Ityelela UMariya

ELI bhinqa lihle nguMariya. UngumSirayelikazi ohlala kwidolophu yaseNazarete. UThixo uyazi ukuba ungumntu olungileyo. Yiyo loo nto ethumele ingelosi yakhe uGabriyeli ukuba ithethe naye. Ngaba uyazi ukuba uze kuthetha ngantoni uGabriyeli kuMariya? Makhe sibone.

‘Vuya, wena ubabalweyo,’ uyambulisa uGabriyeli. ‘UYehova unawe.’ UMariya akazange ambone lo mntu ngaphambili. Uba nexhala, kuba akazi ukuba uthetha ukuthini na. Kodwa kwangoko uGabriyeli umenza azole.

‘Musa ukoyika, Mariya,’ utsho. ‘UYehova ukholisiwe nguwe. Kungenxa yoko le nto eza kukwenzela into engummangaliso. Kungekudala uya kuzala umntwana. Uya kumthiya igama elinguYesu.’

UGabriyeli uyaqhubeka ecacisa: ‘Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuthi nguNyana woThixo Osenyangweni. UYehova uya kumenza ukumkani, njengoDavide. Kodwa uYesu uya kuba ngukumkani ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abusayi kuphela!’

‘Kunokwenzeka njani na oku?’ uyabuza uMariya. ‘Anditshatanga nakutshata. Andikhange ndihlale nandoda, ngoko ndingamfumana njani na umntwana?’

‘Amandla kaThixo aya kuza phezu kwakho,’ uGabriyeli uyaphendula. ‘Ngoko umntwana kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.’ Wandula ke athi kuMariya: ‘Khumbula uElizabhete ozalana nawe. Abantu bebesithi mdala gqitha ukuba angafumana abantwana. Kodwa ngoku kungekudala uya kuzala unyana. Ngoko uyabona, akukho nto ingenakwenzeka kuThixo.’

Kwangoko uMariya uthi: ‘Ndingumkhonzazana kaYehova! Makwenzeke kum ngokwelizwi lakho.’ Emva koko ingelosi iyamshiya.

Ngokukhawuleza uMariya uya kuElizabhete. Xa uElizabhete esiva ilizwi likaMariya, umntwana osesiswini sikaElizabhete uyaxhuma ngovuyo. UElizabhete uzaliswa ngumoya kaThixo, aze athi kuMariya: ‘Usikelelwe wena phakathi kwabafazi.’ UMariya uhlala noElizabhete malunga neenyanga ezintathu, aze ke abuyele ekhaya eNazarete.

UMariya sele eza kutshata nendoda egama linguYosefu. Kodwa xa uYosefu esiva ukuba uMariya uza kufumana umntwana, ucinga ukuba angatshati naye. Kodwa ingelosi kaThixo ithi kuye: ‘Musa ukoyika ukumthabatha uMariya njengomkakho. Kuba nguThixo omnike unyana.’ Ngoko uMariya noYosefu bayatshata, baze balinde ukuba kuzalwe uYesu.