Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 88

UYohane Ubhaptiza UYesu

UYohane Ubhaptiza UYesu

KHANGELA ihobe lehlela entlokweni yale ndoda. Le ndoda nguYesu. Umalunga nama-30 eminyaka ubudala ngoku. Yaye le ndoda ikunye naye nguYohane. Sele sifunde okuthile ngaye. Uyakhumbula na xa uMariya watyelela isizalwana sakhe uElizabhete, waza umntwana osesiswini sikaElizabhete waxhuma luvuyo? Lo mntwana wayengekazalwa yayinguYohane. Kodwa uYohane noYesu benza ntoni ngoku?

UYohane usandula ukuntywilisela uYesu emanzini oMlambo iYordan. Umntu ubhaptizwa ngale ndlela. Kuqala, untywiliselwa ngaphantsi kwamanzi aze ke akhutshwe kwakhona. Ngenxa yokuba uYohane esenza le nto ebantwini, kuthiwa nguYohane uMbhaptizi. Kodwa kutheni uYohane ebhaptiza uYesu?

UYohane wenza oku kuba uYesu wacela uYohane ukuba ambhaptize. UYohane ubhaptiza abantu abafuna ukubonisa ukuba bayazisola ngezinto ezimbi abazenzileyo. Kodwa ngaba uYesu wakha wenza nantoni na embi ekwafuneka azisole ngayo? Hayi, akuzange kube njalo ngoYesu, kuba unguNyana kaThixo ovela ezulwini. Ngoko wacela uYohane ukuba ambhaptize ngesizathu esahlukileyo. Masibone eso sizathu.

Ngaphambi kokuba uYesu eze apha kuYohane, wayengumchweli. Umchweli ngumntu owenza izinto ngamaplanga, izinto ezinjengeetafile nezitulo. Umyeni kaMariya uYosefu wayengumchweli, waza wafundisa uYesu kwalo msebenzi. Kodwa uYehova akazange athumele uNyana wakhe emhlabeni ukuba ngumchweli. Umlungiselele umsebenzi okhethekileyo, yaye lifikile ixesha lokuba uYesu aqalise ukuwenza. Ngoko ukubonisa ukuba ngoku uzele ukwenza ukuthanda kukaYise, uYesu ucela uYohane ukuba ambhaptize. Ngaba uThixo uyakholiswa koku?

Ewe, kuba emva kokuphuma kukaYesu emanzini, kuphuma ilizwi ezulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam, endikholisiweyo nguye.’ Kwakhona, kubonakala ngathi amazulu ayavuleka kuze kwehlele eli hobe kuYesu. Kodwa asilohobe lokwenyani. Yinto ebonakala ngathi lihobe. Ngokwenene ngumoya oyingcwele kaThixo.

Ngoku uYesu unezinto ezininzi amakazicinge, ngoko uyemka aye kwindawo engasese iintsuku ezingama-40. Apho kuza uSathana kuye. Izihlandlo ezithathu uSathana uzama ukubangela uYesu enze okuchasene nemithetho kaThixo. Kodwa uYesu akakwenzi oko.

Emva koko, uYesu uyabuya aze adibane namadoda athile awaba ngabalandeli bakhe bokuqala okanye abafundi. Amanye amagama awo nguAndreya, uPetros (ekukwathiwa nguSimon), uFilipu noNathaniyeli (ekukwathiwa nguBhartolomeyu). UYesu naba bafundi batsha bayemka besinge kummandla waseGalili. EGalili bemisa kwidolophu yakuloNathaniyeli iKana. Apho uYesu uya emtshatweni omkhulu, aze enze ummangaliso wakhe wokuqala. Ngaba uyawazi? Ujika amanzi abe yiwayini.