Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 90

Equleni Nomfazi

Equleni Nomfazi

UYESU wemisa ukuba aphumle ngasequleni kwelamaSamariya. Abafundi bakhe babeye kuthenga ukutya esixekweni. Umfazi athetha naye uYesu uze kukha amanzi. Uthi kuye: ‘Ndiphe ndisele.’

Le nto imothusa kunene lo mfazi. Ngaba uyasazi isizathu? Kungenxa yokuba uYesu ngumYuda, yaye lo mfazi ngumSamariyakazi. Kwaye inkoliso yamaYuda ayiwathandi amaSamariya. Ayengathethi nakuthetha nawo! Kodwa uYesu uthanda zonke iintlobo zabantu. Ngoko uthi: ‘Ukuba ubusazi ukuba ngubani ocela amanzi kuwe, unge ucele kuye, wakupha amanzi anika ubomi.’

‘Nkosi,’ utsho lo mfazi, ‘iqula linzulu yaye akunalo nethunga lokukha amanzi. Ubuya kuwakha phi na la manzi anik’ ubomi?’

‘Ukuba usela amanzi eli qula, uya kunxanwa kwakhona,’ uYesu uyachaza. ‘Kodwa amanzi endiya kukunika wona anokwenza umntu aphile ngonaphakade.’

‘Nkosi,’ utsho lo mfazi, ‘ndiphe loo manzi! Ke andisayi kunxanwa kwakhona. Yaye akunakufuneka ndiphinde ndize kukha amanzi apha.’

Lo mfazi ucinga ukuba uYesu uthetha ngamanzi aqhelekileyo. Kodwa uthetha ngenyaniso engoThixo nobukumkani bakhe. Le nyaniso injengamanzi anika ubomi. Inokunika umntu ubomi obungunaphakade.

Ngoko uYesu uthi kulo mfazi: ‘Hamba uye kubiza umyeni wakho, uze ubuye.’

‘Andinamyeni,’ uyaphendula lo mfazi.

‘Unyanisile,’ utsho uYesu. ‘Kodwa ubunabayeni abahlanu, yaye indoda ohlala nayo ngoku asingomyeni wakho.’

Lo mfazi uyamangaliswa, kuba konke oku kuyinyaniso. Wazazi njani ezi zinto uYesu? Ewe, kungokuba uYesu nguLowo wathenjiswayo othunyelwe nguThixo, yaye nguThixo omnika le nkcazelo. Ngeli thuba bayafika abafundi bakaYesu, yaye bamangaliswa kukuba ethetha nomSamariyakazi.

Sifunda ntoni kuko konke oku? Sifunda ukuba uYesu unobubele kubantu beentlanga zonke. Yaye nathi sifanele sibe njalo. Asimele kucinga ukuba abanye abalunganga kuba nje bengabohlanga oluthile. UYesu ufuna bonke abantu bayazi inyaniso ekhokelela kubomi obungunaphakade. Kwaye nathi simele sifune ukunceda abantu bayifunde inyaniso.