Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 92

UYesu Uvusa Abafileyo

UYesu Uvusa Abafileyo

INTOMBAZANA oyibona apha ine-12 leminyaka ubudala. UYesu uyibambe ngesandla, yaye unina noyise bemi kufutshane. Ngaba uyasazi isizathu sokuba bakhangeleke bonwabe kangaka? Masibone.

Uyise wentombazana yindoda ebalulekileyo egama linguYayiro. Ngenye imini intombazana yakhe iyagula, ize ilaliswe emandlalweni. Kodwa ayibi bhetele. Igula ngakumbi. UYayiro nomkakhe bayakhathazeka, kuba kubonakala ngathi intombazana yabo iza kufa. Le kuphela kwentombi yabo. Ngoko uYayiro uyahamba aye kukhangela uYesu. Uvile ngemimangaliso eyenziwa nguYesu.

Xa uYayiro emfumana uYesu, kukho isihlwele esikhulu esimrhangqileyo. Kodwa uYayiro ungena kweso sihlwele aze aqubude ezinyaweni zikaYesu. ‘Intombi yam igula kakhulu,’ utsho. ‘Khawuze uyiphilise,’ uyambongoza. UYesu uthi uza kuza.

Njengokuba behamba, isihlwele siyatyhalana ukusondela ngakumbi kuYesu. Ngequbuliso uYesu uyema. ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ uyabuza. UYesu uve kuphuma amandla kuye, ngoko uyazi ukuba kukho umntu omchukumisileyo. Kodwa ngubani? Libhinqa ebeligula i-12 leminyaka. Leza laza lachukumisa iimpahla zikaYesu, laphiliswa ke!

Le nto iyamvuyisa uYayiro, kuba uyabona indlela ekulula ngayo ngoYesu ukuphilisa umntu. Kodwa kufika ummeli othile wegosa elongamelayo. ‘Musa ukuba samkhathaza uYesu,’ utsho kuYayiro. ‘Intombi yakho ifile.’ UYesu uyakuva oku aze athi kuYayiro: ‘Musa ukuxhala, iza kuphila intombi.’

Xa ekugqibeleni befika endlwini kaYayiro, abantu bayalila. Kodwa uYesu uthi: ‘Musani ukulila. Umntwana akafanga. Ulele nje.’ Kodwa bamwa ngentsini behlekisa ngaye uYesu, kuba besazi ukuba umntwana ufile.

UYesu ungenisa uyise nonina wentombazana kwanabapostile bakhe abathathu kwigumbi abekwe kulo umntwana. Umbamba ngesandla aze athi: ‘Vuka!’ Aze abuyele ebomini, njengokuba umbona apha. Uyaphakama aze ahambahambe! Yiyo loo nto unina noyise bevuya kangaka.

Lo asingomntu wokuqala owavuswa nguYesu kwabafileyo. Owokuqala ethetha ngaye iBhayibhile ngunyana womhlolokazi wesixeko saseNayin. Kamva, uYesu uvusa kwanoLazaro ekufeni, umnakwaboMariya noMarta. Xa uYesu elawula njengokumkani kaThixo, uya kubabuyisela ebomini abantu abaninzi abafileyo. Ayisivuyisi na loo nto?