Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 93

UYesu Wondla Abantu Abaninzi

UYesu Wondla Abantu Abaninzi

KWENZEKE into eyoyikekayo. UYohane uMbhaptizi usandul’ ukubulawa. UHerodiya, umfazi wokumkani, wayengamthandi. Yaye wabangela ukumkani ayalele ukuba kunqunyulwe intloko kaYohane.

Xa uYesu esiva ngale nto, uba buhlungu. Uya ngasese eyedwa. Kodwa abantu bayamlandela. Xa uYesu ebona izihlwele, uyazisizela. Ngoko uthetha nazo ngobukumkani bukaThixo, aze aphilise abagulayo kuzo.

Ngolo rhatya beza kuye abafundi bakhe besithi: ‘Kuyahlwa, yaye le yindawo eyintlango. Bandulule abantu ukuze bazithengele ukutya kwizixekwana ezikufutshane.’

‘Akukho mfuneko yokuba bahambe,’ uyaphendula uYesu. ‘Banikeni ukutya.’ Ebuza uFilipu, uYesu uthi: ‘Singakuthenga phi na ukutya okunokwanela ukondla bonke aba bantu?’

‘Kuya kusidla imali eninzi ukuthenga ukutya okwaneleyo ukuze ngamnye afumane intwana kuko,’ uyaphendula uFilipu. UAndreya uthi: ‘Le nkwenkwe, iphethe ukutya kwethu, inezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. Kodwa akunakubanela bonke aba bantu.’

‘Baxeleleni abantu bahlale phantsi engceni,’ utsho uYesu. Uyabulela ke kuThixo ngokutya aze akuqhekeze ekwahlulahlula. Emva koko abafundi banika bonke abantu isonka nentlanzi. Kukho amadoda angama-5 000, kwanamawaka amaninzi abafazi nabantwana. Bonke batya bahluthe. Yaye xa abafundi beqokelela okuseleyo, kuzala iingobozi ezili-12!

Ngoku uYesu uthi abafundi bakhe mabangene enqanaweni ukuya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Ebusuku kufika umoya omkhulu wesaqhwithi, aze amaza abethe inqanawa ngapha nangapha. Abafundi boyika gqitha. Kuthi ke, ezinzulwini zobusuku, babone umntu ehamba emanzini esiza kubo. Bayakhala ngokoyika, kuba abayazi into abayibonayo.

‘Musani ukoyika,’ utsho uYesu. ‘Ndim!’ Sekunjalo abakholwa. Ngoko uPetros uthi: ‘Ukuba okunene nguwe, Nkosi, yitsho nam ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.’ UYesu uyaphendula: ‘Yiza!’ Uyehla uPetros aze ahambe emanzini! Wasuka woyika waza waqalisa ukutshona, kodwa uYesu uyamsindisa.

Kamva, kwakhona uYesu wondla amawaka abantu. Kwesi sihlandlo ubondla ngezonka ezisixhenxe neentlanzi ezimbalwa. Yaye kwaphinda kwabakho ukutya okwaneleyo kwabo bonke. Ayimangalisi na indlela uYesu abanyamekela ngayo abantu? Xa elawula njengokumkani kaThixo akusayi kufuneka sizikhathaze nganto!