Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 94

Uyabathanda Abantwana

Uyabathanda Abantwana

KHANGELA uYesu apha egone le nkwenkwana. Unokubona ukuba ngokwenene uYesu ubakhathalele abantwana. Amadoda abukeleyo ngabapostile bakhe. Uthini uYesu kubo? Masibone.

UYesu nabapostile bakhe basandul’ ukubuya kuhambo olude. Endleleni abapostile bebephikisana. Ngoko emva kohambo uYesu uyababuza: ‘Beniphikisana ngantoni na endleleni?’ Ngokwenene, uYesu uyazi ukuba bebephikisana ngantoni. Kodwa ubuza lo mbuzo ukuze abone enoba abapostile baza kumxelela na.

Abaphenduli, kuba endleleni baphikisene ngokuba ngubani na oyena mkhulu kubo. Abanye abapostile bafuna ukubaluleka ngakumbi kunabanye. Uza kubaxelela njani uYesu ukuba akulunganga ukufuna ukuba ngoyena mkhulu?

Ubiza inkwenkwana, aze ayimise phambi kwabo bonke. Uthi ke kubafundi bakhe: ‘Ndifuna nazi oku, Ukuba aniguquki nibe njengabantwana, anisayi kungena ebukumkanini bukaThixo. Oyena mkhulu ebukumkanini ngulowo uzenza onjengalo mntwana.’ Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu athethe la mazwi?

Kaloku, abantwana abazikhathazi ngobukhulu okanye ngokubaluleka kunabanye. Ngoko abapostile kufuneka bafunde ukuba njengabantwana baze bangaxabani ngobukhulu nangokubaluleka.

Kukho namanye amaxesha axa uYesu ebonisa indlela abakhathalele ngayo abantwana. Iinyanga ezimbalwa kamva abantu abathile bazisa abantwana babo kuYesu. Abapostile bazama ukubagxotha. Kodwa uYesu uthi kubapostile bakhe: ‘Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabantu abanjengabo.’ Wandula ke uYesu abawole aba bantwana, aze abasikelele. Akuvuyisi na ukwazi ukuba uYesu uyabathanda abantwana?