Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 96

UYesu Uphilisa Abagulayo

UYesu Uphilisa Abagulayo

NJENGOKUBA uYesu ehamba ukutyhubela ilizwe, uphilisa abagulayo. Iindaba ezingemimangaliso yakhe kuthethwa ngazo kuzo zonke izixeko ezikufutshane. Ngoko abantu bazisa kuye iziqhwala, iimfama nezithulu, kwanabanye abaninzi abagulayo. Yaye uYesu ubaphilisa bonke.

Ngoku sele kudlule iminyaka engaphezu kwemithathu uYohane wabhaptiza uYesu. Yaye uYesu uxelela abapostile bakhe ukuba kungekudala uza kunyukela eYerusalem apho aya kubulawelwa khona aze avuke kwabafileyo. Okwangoku, uYesu uqhubeka ephilisa abagulayo.

Ngenye imini uYesu ufundisa ngeSabatha. ISabatha lusuku lokuphumla kwamaYuda. Umfazi ombona apha ebegula kakhulu. Wayegobile iminyaka eli-18, engakwazi ukuma nkqo. Ngoko uYesu ubeka izandla zakhe kuye, aze aphakame. Uphilisiwe!

Le nto iyazicaphukisa iinkokeli zonqulo. ‘Zintandathu iintsuku ekufanele kusetyenzwe ngazo,’ enye yazo itsho kwizihlwele. ‘Ningeza ngezo ntsuku ukuze niphiliswe, kungekhona ngeSabatha!’

Kodwa uYesu uyaphendula: ‘Nina bantu bangendawo, nonke niyazikhulula iidonki zenu niye kuziseza ngeSabatha. Ngoko lo mfazi ulihlwempu, obegula iminyaka eli-18, akafanele kuphiliswa na ngeSabatha?’ Impendulo kaYesu iwenza abe neentloni la madoda angendawo.

Kamva uYesu nabapostile bakhe baya eYerusalem. Xa bengaphandle kufutshane nesixeko saseYeriko, abangqibi ababini abaziimfama bayeva ukuba kudlula uYesu. Bayadanduluka: ‘Yesu, khawusincede!’

UYesu uyazibiza iimfama aze abuze: Nifuna ndinenzele ntoni?’ Zithi: ‘Nkosi, nceda uvule amehlo ethu.’ UYesu uchukumisa amehlo azo zize zibone kwangoko! Uyazi na ukuba kutheni uYesu esenza yonke le mimangaliso? Kungenxa yokuba uyabathanda abantu yaye ufuna bakholwe kuye. Yaye ke sinokuqiniseka ukuba xa elawula njengoKumkani akunakuphinda kugule mntu emhlabeni.