Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 100

UYesu Emyezweni

UYesu Emyezweni

EMVA kokuphuma kwigumbi eliphezulu, uYesu nabapostile bakhe baya emyezweni waseGetsemane. Bebemane besiza apha izihlandlo ezininzi ngaphambili. Ngoku uYesu uthi mabahlale bephaphile baze bathandaze. Uyahamba athi qelele kubo kancinane, aqubude emhlabeni athandaze.

Kamva uYesu ubuyela kwindawo abakuyo abapostile bakhe. Ucinga ukuba benza ntoni? Balele! Izihlandlo ezithathu uYesu uthi mabahlale bephaphile, kodwa sihlandlo ngasinye ebuya ufika belele. ‘Ningathini na ukulala ngeli xesha?’ uYesu utsho kwisihlandlo sokugqibela ebuya. ‘Lifikile ixesha lokuba ndinikelwe kwiintshaba zam.’

Kanye ngelo xesha kuvakala ingxolo yesihlwele esikhulu. Khangela! Kuza amadoda ephethe amakrele neentonga! Yaye baphethe izibane ukubakhanyisela. Xa besondela, kuphuma omnye esihlweleni aze ngqo kuYesu. Uyamanga, njengokuba umbona apha. Le ndoda nguYudas Skariyoti! Kutheni emanga nje uYesu?

UYesu uyabuza: ‘Yudas, ngaba undingcatsha ngokundanga?’ Ewe, ukwanga ngumqondiso. Ngumqondiso obangela ukuba amadoda ahamba noYudas abone ukuba lo nguYesu, umntu amfunayo. Ngoko iintshaba zikaYesu ziyasondela zimbambe. Kodwa uPetros akabavumeli bemke noYesu kungaliwanga. Ukhupha ikrele abeze nalo aze abethe kwindoda ekufutshane naye. Ikrele liyayiphosa intloko yendoda lize liyinqumle indlebe yasekunene. Kodwa uYesu uyayichukumisa indlebe yendoda aze ayiphilise.

UYesu uthi kuPetros: ‘Buyisela ikrele lakho kwindawo yalo. Akwazi na ukuba ndinokumcela uBawo akhuphe amawakawaka eengelosi zindisindise?’ Ewe, unako! Kodwa uYesu akamceli uThixo athumele iingelosi, kuba uyazi ukuba lifikile ixesha lokuba iintshaba zakhe zimthabathe. Ngoko uyazivumela zihambe naye. Masibone okwenzekayo kuYesu ngoku.