Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 103

Kwigumbi Elitshixiweyo

Kwigumbi Elitshixiweyo

EMVA kokuba uPetros noYohane bemkile engcwabeni apho ubukhona umzimba kaYesu, uMariya ushiyeka yedwa elila. Uyagoba aze akrobe ngaphakathi engcwabeni, njengokuba simbonile kumfanekiso odluleyo. Apho ubona iingelosi ezimbini! Ziyambuza: ‘Kutheni ulila nje?’

UMariya uphendula athi: ‘Bayithabathile iNkosi yam, yaye andazi apho bayibeke khona.’ Emva koko uMariya uyaguquka aze abone indoda. Iyambuza: ‘Ufuna bani na?’

UMariya ucinga ukuba le ndoda ngumgcini-sitiya, nokuba mhlawumbi iwuthabathile umzimba kaYesu. Ngoko uthi: ‘Ukuba umthabathile, ndixelele apho umbeke khona.’ Kodwa ngokwenene le ndoda nguYesu. Uzambathise umzimba angawuqondiyo uMariya. Kodwa xa embiza ngegama lakhe, uMariya uyazi ukuba lo nguYesu. Uyakhawuleza aye kuxelela abafundi, athi kubo: ‘Ndiyibonile iNkosi!’

Ngenjikalanga yaloo mini, ngoxa abafundi ababini behamba besinge kwisixekwana sase-Emawusi, kusondela indoda ihambe nabo. Abafundi babuhlungu gqitha kuba uYesu ebulewe. Kodwa njengokuba behamba, le ndoda ibachazela izinto ezininzi ngokuphuma eBhayibhileni ize ibenze bazive behlaziyekile. Ekugqibeleni, xa besima ukuze bafumane isidlo, abafundi bayaqonda ukuba le ndoda nguYesu. Ngoko uYesu uthi shwaka, baze ngokukhawuleza aba bafundi babini babuyele eYerusalem ukuya kuxelela abapostile ngaye.

Ngoxa kuqhubeka oko, uYesu ubonakala nakuPetros. Abanye bayachwayitiswa kukuva oku. Aba bafundi babini baya eYerusalem baze bafumane abapostile. Bayabaxelela indlela abonakale ngayo uYesu kubo endleleni. Kanye xa bebalisa ngoko, ngaba uyawazi ummangaliso owenzekayo?

Khangela emfanekisweni. UYesu ubonakala phakathi endlwini, nakubeni ucango lutshixiwe. Bavuya kunene abafundi! Bachwayite gqitha ngolu suku! Ngaba unokuzibala izihlandlo uYesu asele ebonakele ngazo ngoku kubalandeli bakhe? Zihlanu, akunjalo?

Umpostile uTomas akakho xa uYesu ebonakala kubo. Ngoko abafundi bayamxelela besithi: ‘Siyibonile iNkosi!’ Kodwa uTomas uthi kufuneka ambone ngokwakhe uYesu ngaphambi kokuba akholwe. Ngoko, kwiintsuku ezisibhozo kamva abafundi bahlanganisene kwakhona kwindlu etshixiweyo, yaye ngoku uTomas ukho. Ngequbuliso, uYesu ubonakala ngaphakathi apho endlwini. Ngoku uTomas uyakholwa.