Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 104

UYesu Ubuyela Ezulwini

UYesu Ubuyela Ezulwini

NJENGOKUBA iintsuku zihamba, uYesu uzibonakalisa kubalandeli bakhe izihlandlo ezininzi. Kwesinye isihlandlo ubonwa ngabafundi abamalunga nama-500. Xa ebonakala kubo, ngaba uyazi ukuba uthetha ngantoni? Ngobukumkani bukaThixo. UYehova wathumela uYesu emhlabeni ukufundisa ngoBukumkani. Yaye uyaqhubeka esenza oku nasemva kokuvuswa kwabafileyo.

Uyakhumbula na ukuba buyintoni ubukumkani bukaThixo? Ewe, uBukumkani ngurhulumente kaThixo wokwenene ezulwini, yaye uYesu wanyulwa nguThixo ukuba abe ngukumkani. Njengokuba sifundile, uYesu wabonisa ukuba uya kuba ngukumkani omangalisayo ngokondla abalambileyo, ngokuphilisa abagulayo, nangokuvusela ebomini abafileyo!

Ngoko xa uYesu elawula njengokumkani ezulwini iminyaka eliwaka, kuya kuba njani emhlabeni? Ewe, wonke umhlaba uya kwenziwa iparadesi entle. Akusayi kubakho zimfazwe, lwaphulo-mthetho, kugula, nakufa. Siyazi ukuba kuyinyaniso oku kuba uThixo wawenza umhlaba ukuze ube yiparadesi yokunanditshwa ngabantu. Kungako wenza umyezo wase-Eden ekuqaleni. Yaye uYesu uya kuqinisekisa ukuba kuyenzeka oko uThixo afuna kwenziwe.

Ngoku kufika ixesha lokuba uYesu abuyele ezulwini. Kangangeentsuku ezingama-40 uYesu ebezibonakalisa kubafundi bakhe. Ngoko baqinisekile ukuba uyaphila kwakhona. Kodwa ngaphambi kokubashiya abafundi bakhe uthi kubo: ‘Hlalani eYerusalem de namkele umoya oyingcwele.’ Umoya oyingcwele ngamandla asebenzayo kaThixo, njengomoya ovuthuzayo, oya kunceda abalandeli bakhe ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ekugqibeleni, uYesu uthi: ‘Nize nishumayele ngam kuse kwezona ndawo zikude zomhlaba.’

Emva kokuba uYesu ethethe oku, kwenzeka ummangaliso. Uqalisa ukunyukela ezulwini, njengokuba umbona apha. Emva koko ufihlwa lilifu, baze abafundi bangamboni uYesu kwakhona. UYesu uya ezulwini, aze aqalise ukulawula abalandeli bakhe abasemhlabeni.