Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 105

Ukulinda EYerusalem

Ukulinda EYerusalem

ABA bantu balapha ngabalandeli bakaYesu. Bamthobele baza bahlala eYerusalem. Yaye ngoxa bonke belinde kunye, indlu izaliswa yingxolo enkulu. Ingathi kukuvuthuza komoya onamandla. Kuthi ke kubonakale iilwimi zomlilo phezu kwentloko yomfundi ngamnye. Uyawubona na umlilo ulengalenga phezu komfundi ngamnye? Kuthetha ntoni konke oku?

Ngummangaliso lo! UYesu ubuyele ezulwini kuYise, yaye uthululela umoya oyingcwele kaThixo kubalandeli bakhe. Uyazi na ukuba lo moya ubabangela benze ntoni? Bonke baqalisa ukuthetha ngeelwimi ezahlukeneyo.

Abantu abaninzi eYerusalem beva ingxolo engathi ngumoya onamandla, baze beze kubona okwenzekayo. Bambi abantu baphuma kwezinye iintlanga ebezize apha kumsitho wamaSirayeli wePentekoste. Hayi indlela ezothuka ngayo ezi ndwendwe! Ziva abafundi bethetha ngeelwimi zazo izinto ezimangalisayo ezenziwe nguThixo.

‘Bonke aba bantu ngabaseGalili,’ zitsho iindwendwe. ‘Kutheni ke bekwazi ukuthetha iilwimi ezahlukeneyo zamazwe esivela kuwo?’

Ngoko uPetros uyaphakama aze azicacisele. Uphakamisa ilizwi lakhe aze axelele abantu ngokubulawa kukaYesu nokuba uYehova wamvusa kwabafileyo. ‘Ngoku uYesu usezulwini ngasekunene kukaThixo,’ utsho uPetros. ‘Yaye uthulule umoya oyingcwele owathenjiswayo. Kungako nibone naza neva le mimangaliso.’

Xa uPetros ethetha ezi zinto, abantu abaninzi baba buhlungu gqitha ngezinto ezenziwa kuYesu. ‘Simele senze ntoni na?’ bayabuza. UPetros uthi kubo: ‘Guqulani ubomi benu nize nibhaptizwe.’ Ngoko ngaloo mini kubhaptizwa malunga nabantu abangama-3 000 baze babe ngabalandeli bakaYesu.