Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 107

UStefano Ugityiselwa Ngamatye

UStefano Ugityiselwa Ngamatye

INDODA eguqe apha nguStefano. Ngumfundi othembekileyo kaYesu. Kodwa khangela into emehlelayo ngoku! La madoda amgibisela ngamatye amakhulu. Kutheni emthiye kangaka nje uStefano ade amenze into embi kangaka? Masibone.

UThixo ubenceda uStefano ukwenza imimangaliso. La madoda awakuthandi oku, yaye ke aphikisana naye ngokubafundisa kwakhe inyaniso abantu. Kodwa uThixo unika uStefano ubulumko obukhulu, yaye uStefano ubonisa ukuba la madoda ebefundisa ubuxoki. Le nto iwacaphukisa ngakumbi. Ngoko ayambamba uStefano, aze abize abantu ukuze bathethe ubuxoki ngaye.

Umbingeleli omkhulu uyambuza uStefano: ‘Ziyinyaniso na ezi zinto?’ UStefano uphendula ngokunikela intetho emnandi esekelwe eBhayibhileni. Ekupheleni kwayo, uxela indlela abantu ababi ababathiya ngayo abaprofeti bakaYehova mandulo. Emva koko uthi: ‘Ninjengabo bantu nani. Nambulala umkhonzi kaThixo uYesu, yaye aniyithobeli imithetho kaThixo.’

Le nto izenza zibhavume ngumsindo iinkokeli zonqulo! Zimtshixizela amazinyo zicaphukile. Kodwa ke uStefano uphakamisa intloko yakhe, athi: ‘Khangelani! Ndibona uYesu emi ngasekunene kukaThixo ezulwini.’ Ekuveni oku, la madoda avingca iindlebe zawo aze amtsibele uStefano. Ayambamba, amkhuphele ngaphandle kwesixeko.

Akhulula iingubo zawo zokwaleka aze aziphathise umfana onguSawule. Uyambona na uSawule? Ngoko amanye ala madoda aqalisa ukumgibisela ngamatye uStefano. Uyaguqa, njengokuba umbona, athandaze kuThixo: ‘Yehova, ungabohlwayi ngobu bubi.’ Uyazi ukuba bambi kubo balahlekiswe ziinkokeli zonqulo. Emva koko uStefano uyafa.

Xa umntu ekona, ngaba uzama ukumenzakalisa, okanye ucela uThixo amenzakalise? Akenzanga loo nto uStefano, noYesu. Babenobubele nakwabo babengenabubele kubo. Masizame ukulinganisa umzekelo wabo.