Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 108

Endleleni Eya EDamasko

Endleleni Eya EDamasko

UYAZI na ukuba ngubani lowa ulele phantsi? NguSawule. Khumbula, ngulowa wayegcine iingubo zamadoda awaxuluba uStefano ngamatye. Khangela okwaa kukhanya kuqaqambileyo! Kwenzeka ntoni?

Emva kokubulawa kukaStefano, uSawule uyakhokela ekuzingeleni abalandeli bakaYesu ukuze abenzakalise. Ubagqogqa kwindlu ngendlu, abakhuphe abaphose entolongweni. Abafundi abaninzi babalekela kwezinye izixeko baze baqalise ukuvakalisa “iindaba ezilungileyo” apho. Kodwa uSawule uya kwezo zixeko ekhangela abafundi bakaYesu. Ngoku usendleleni eya eDamasko. Kodwa endleleni, kwenzeka lo mmangaliso:

Ngequbuliso uSawule ubethwa kukukhanya okuvela esibhakabhakeni. Uwa phantsi, njengokuba simbona apha. Kuvakala ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule! Kutheni undenzakalisa nje?’ Amadoda ahamba noSawule ayakubona ukukhanya alive nelizwi, kodwa akakuqondi okuthethwayo.

‘Ungubani na, Nkosi?’ uyabuza uSawule.

‘NdinguYesu, lo umenzakalisayo,’ litsho ilizwi. UYesu utsho kuba xa uSawule esenzakalisa abalandeli bakhe, uvakalelwa ngathi kwenzakaliswa yena.

Ngoku uSawule uyabuza: ‘Ndimele ndenze ntoni na, Nkosi?’

‘Vuka uye eDamasko,’ utsho uYesu. ‘Apho woyixelelwa into omele uyenze.’ Ekuvukeni kukaSawule aze avule amehlo akhe, akaboni. Uyimfama! Ngoko amadoda ahamba naye ambamba ngesandla amse eDamasko.

Ngoku uYesu uthi komnye wabafundi bakhe eDamasko: ‘Phakama Ananiyas, uye esitratweni ekuthiwa seSithe Tye. Endlwini kaYudas buzisa ngendoda egama linguSawule. Kuba ndimnyule ukuba abe ngumkhonzi wam okhethekileyo.’

UAnaniyas wenjenjalo. Ekudibaneni kwakhe noSawule, umbeka izandla, esithi: ‘INkosi indithumile ukuze ubone kwakhona uze uzaliswe ngumoya oyingcwele.’ Kwangoko kuwa emehlweni kaSawule into engathi ngamaxolo, aze abone kwakhona.

USawule usetyenziswa ngamandla ekushumayeleni kubantu beentlanga ezininzi. Waziwa njengompostile uPawulos, esiza kufunda okuninzi ngaye. Kodwa kuqala, masibone ukuba uThixo uthumela uPetros ukwenza ntoni.