Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 8

Oko Kuxelwa YiBhayibhile Kwangaphambili Kuyazaliseka

Oko Kuxelwa YiBhayibhile Kwangaphambili Kuyazaliseka

IBhayibhile ayithethi nje kuphela ngamabali ayinyaniso ngezinto ezenzeka kwixesha elidluleyo kodwa kwakhona ithetha ngoko kuya kwenzeka kwixesha elizayo. Abantu abanakukwazi okuza kwenzeka kwixesha elizayo. Loo nto yenza sazi ukuba iBhayibhile ivela kuThixo. Ithini iBhayibhile ngexesha elizayo?

Isixelela ngemfazwe enkulu kaThixo. Kule mfazwe uThixo uya kuwucoca umhlaba kubo bonke ububi nabantu ababi, kodwa uya kubakhusela abamkhonzayo. Ukumkani kaThixo, uYesu Kristu, uya kulungiselela ukuba abakhonzi bakaThixo banandiphe uxolo nolonwabo, nokuba bangaze baphinde bagule okanye bafe.

Sinokuvuya kuba uThixo eya kwenza iparadesi entsha emhlabeni, uthini wena? Kodwa simele senze okuthile ukuze siphile kule paradesi. Kwibali lokugqibela lale ncwadi sifunda ngoko kufuneka sikwenze ukuze sinandiphe izinto ezintle uThixo azigcinele abamkhonzayo. Ngoko funda iCANDELO 8 uze ufumanise oko iBhayibhile ikuthetha kusengaphambili ngexesha elizayo.

 

KWELI CANDELO

IBALI 114

Ukuphela Kobubi Bonke

Kutheni uThixo ethumela umkhosi wakhe okhokelwa nguYesu ukuba ulwe kwimfazwe iArmagedon?

IBALI 115

Iparadesi Entsha Emhlabeni

Abantu bakhe baphila kwiparadesi esemhlabeni, baza kuphinda baphile kuyo.

IBALI 116

Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade

Ngaba kufuneka sazi uYehova uThixo noYesu Kristu nje kuphela? Ukuba uthi hayi, yintoni enye ekufuneka siyenze?