Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 115

Iparadesi Entsha Emhlabeni

Iparadesi Entsha Emhlabeni

KHAWUJONGE laa mithi mide, iintyatyambo ezintle neentaba eziphakamileyo. Ayintlanga na le ndawo? Bona ixhama lisitya esandleni senkwenkwana. Yaye khangela iingonyama namahashe ami phayaa ethafeni. Ubungethandi na ukuphila endlwini ekwindawo efana nale?

UThixo ufuna uphile ngonaphakade emhlabeni eparadesi. Yaye akafuni ube nazintlungu nazingqaqambo eziviwa ngabantu namhlanje. IBhayibhile ithembisa oku kwabo baya kuphila kwiparadesi entsha: ‘UThixo uya kuba nabo. Akusayi kubakho kufa, nakukhala, nantlungu. Izinto zangaphambili zidlule.’

UYesu uya kubangela ukuba lwenzeke olu tshintsho luvuyisayo. Ngaba uyazi ukuba nini? Ewe, emva kokuba ecoce umhlaba kubo bonke ububi nabantu ababi. Khumbula, xa uYesu wayesemhlabeni waphilisa abantu kuzo zonke iintlobo zezifo, waza wavusa nabafileyo. UYesu wenza konke oku ukubonisa oko aya kukwenza kuwo wonke umhlaba xa enguKumkani wobukumkani buThixo.

Khawucinge indlela ekuya kuba mnandi ngayo kwiparadesi entsha emhlabeni! UYesu uya kulawula ezulwini kunye nabo abanyuleyo. Aba balawuli baya kunyamekela bonke abantu abasemhlabeni baze baqiniseke ukuba bonwabile. Masibone oko simele sikwenze ukuze siqiniseke ukuba uThixo uya kusinika ubomi obungunaphakade kwiparadesi yakhe entsha.