Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izigidi Zezidalwa Zomoya

Izigidi Zezidalwa Zomoya

IBhayibhile isixelela ukuba kukho abantu bomoya abaninzi. NoYehova ngokwakhe ungumoya.—Yohane 4:24; 2 Korinte 3:17, 18.

Kwakukho ixesha laxa uYehova wayeyedwa kummandla wendalo. Wandula ke waqalisa ukudala abantu bomoya ekuthiwa zizithunywa zezulu. Banamandla yaye bakrelekrele ngakumbi kunabantu. UYehova wadala izithunywa zezulu ezininzi; umkhonzi kaThixo uDaniyeli, embonweni, wabona izigidi ezilikhulu zezithunywa zezulu.—Daniyeli 7:10; Hebhere 1:7.

Ezi zithunywa zezulu zazidalwe nguThixo kwangaphambi kokuba enze umhlaba. (Yobhi 38:4-7) Akukho nasinye kuzo esakhe saphila emhlabeni saza safa.

Umntu onguMoya omkhulu, uYehova, wadala izigidi zabantu bomoya