Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imvukelo Kummandla Womoya

Imvukelo Kummandla Womoya

Xa uSathana wasebenzisa inyoka ukuthetha noEva, uEva wamthelela ekuvukeleni uThixo

Bonke abantu bomoya awayebadalile uYehova babelungile. Sandula ke esinye isithunywa sezulu sakreqa. Esi nguSathana uMtyholi. USathana wafuna ukuba abantu abasemhlabeni banqule yena kunokuba banqule uYehova. Naku okwenzekayo:

Emyezweni wase-Eden, kwakukho imithi emininzi eyayixakathe uncuthu lweziqhamo. UYehova wamxelela uAdam nomfazi wakhe, uEva, ukuba babenokuziva bekhululekile ukuzitya. Kodwa kwakukho umthi omnye awathi uThixo babengafanele badle kuwo. Wathi ukuba babedlile kuwo, ngokwenene babeya kufa.—Genesis 2:9, 16, 17.

Ngaminazana ithile uEva wayehleli yedwa xa inyoka yathetha naye. Phofu ke, enyanisweni yayingeyonyoka le yayithetha; yayinguSathana uMtyholi owenza kwabonakala ngathi inyoka yayithetha. USathana waxelela uEva ukuba xa wayenokuthi adle kwisiqhamo esalelweyo, wayeya kuba sisilumko njengoThixo. Kwakhona wathi wayengayi kufa. Konke oku kwakububuxoki. Sekunjalo, uEva wakukholelwa okwathethwa nguSathana waza wasidla isiqhamo. Kamva, wathabatha kuso waza wanika noAdam, naye wadla.—Genesis 3:1-6.

Ngokusuka kweli bali lokwenyaniso, sifunda ukuba uSathana ngumvukeli nexoki. Waxelela uEva ukuba xa wayenokungamthobeli uThixo, wayengayi kufa. Obo yayibubuxoki. Wafa kwaye noAdam wafa. USathana akazange afe ngelo xesha, nangona ekugqibeleni eza kufa kuba wona. Noko ke, okwangoku usaphila ibe uyaqhubeka elahlekisa uluntu. Uselixoki, yaye uzama ukubangela abantu bayityeshele imithetho kaThixo.—Yohane 8:44.

Ukuvukela Kwezinye Izithunywa Zezulu

Kamva, ezinye izithunywa zezulu zakreqa. Ezi zithunywa zezulu zabona amabhinqa amahle emhlabeni zaza zafuna ukuba neentlobano zesini nawo. Ngoko zeza emhlabeni zaza zazambathisa imizimba yamadoda. Zandula ke zazizekela abafazi. Oku kwakunxamnye nenjongo kaThixo.—Genesis 6:1, 2; Yuda 6.

Izithunywa zezulu ezingendawo zeza emhlabeni ukuze ziziphathe kakubi namabhinqa

Kwakhona kwaluzisela inkathazo enkulu uluntu. Abafazi bezi zithunywa zezulu bazala abantwana, kodwa yayingengobantwana baqhelekileyo. Bakhula baba ziingxilimbela ezazinogonyamelo yaye zikhohlakele. Ekugqibeleni umhlaba wawuzele lugonyamelo ngokokude uYehova agqibe kwelokuba abatshabalalise abantu abangendawo ngomkhukula omkhulu. Ekuphela kwabantu abasindayo kuloo Mkhukula yaba nguNowa olilungisa nentsapho yakhe.—Genesis 6:4, 11; 7:23.

Noko ke, izithunywa zezulu ezingendawo zabuyela kummandla womoya; azizange zife. Kodwa zohlwaywa. Azizange zivunyelwe ukuba zibuyele kwintsapho kaThixo yezithunywa zezulu ezingamalungisa. Ngaphezu koko, uYehova zange abe sazivumela ukuba zizambathise imizimba yabantu. Kwaye ekugqibeleni ziza kufa kumgwebo omkhulu.—2 Petros 2:4; Yuda 6.

Ukugxothwa kukaSathana Ezulwini

USathana nezithunywa zakhe ezingalunganga bagxothwa ezulwini

Ekuqaleni kwenkulungwane yethu, kwabakho imfazwe ezulwini. Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ichaza oko kwenzekayo: “Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli [uYesu Kristu ovusiweyo] nezithunywa zakhe [ezilungileyo] besilwa nenamba [uSathana], inamba nezithunywa zayo [ezingalunganga] zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo [ezingalunganga] zaphoswa kunye nayo.”

Waba yintoni umphumo woku? Ingxelo ihlabela mgama isithi: “Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo.” Izithunywa zezulu ezilungileyo zazinokuba nemihlali kuba uSathana nezithunywa zakhe, okanye imimoya engalunganga, babengasekho ezulwini. Kodwa kuthekani ngabantu abasemhlabeni? IBhayibhile ithi: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.”—ISityhilelo 12:7-9, 12.

Ewe, uSathana noogxa bakhe abangendawo balahlekisa baze babangele umbhodamo omkhulu kubantu abasemhlabeni. Ezi zithunywa zezulu zingendawo kuthiwa ziidemon. Ziziintshaba zikaThixo. Zonke zenza ububi.