Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iidemon Zingababulali!

Iidemon Zingababulali!

USathana needemon zakhe bebesoloko bekhohlakele yaye benobungozi. Kumaxesha angaphambili uSathana wabulala imfuyo nabakhonzi bakaYobhi owayethembekile. Wandula ke wabulala abantwana abalishumi bakaYobhi ngokubangela ukuba “umoya omkhulu” udilize indlu ababekuyo. Emva koko uSathana wabetha uYobhi ‘ngamathumba amabi, awayethabathela entendeni yonyawo lwakhe, ase elukakayini lwakhe.’—Yobhi 1:7-19; 2:7.

Ngomhla kaYesu, iidemon zabangela abanye abantu babe zizimumu neemfama. (Mateyu 9:32, 33; 12:22) Zathuthumbisa indoda ethile zaza zayibangela ukuba izijece ngamatye. (Marko 5:5) Kwakhona zabangela ukuba omnye umntwana akhale, zamntlala emhlabeni, zaza zambangela ‘waxhuzula ngamandla.’—Luka 9:42.

Kwixesha eladlulayo, iidemon zagulisa abantu yaye zabangela ukuba abanye baxhuzule

Namhlanje, uSathana needemon basengababulali ababengabo ekuqaleni. Enyanisweni, umsebenzi wabo ongendawo uye wathabath’ unyawo ukususela ekugxothweni kwabo ezulwini. Iingxelo ezivela ehlabathini jikelele zingqina inkohlakalo yabo. Bambi abantu zibathwaxa ngokugula. Abanye zibapheka zibophula ebusuku, zibangela bangalali okanye zibaphuphisa kakubi. Abanye zibaphethel’ imbengwane ngokubaxhaphaza ngokwesini. Ukanti abanye ziyabaphambanisa, zibabangela babulale abanye abantu okanye bazibulale.

Namhlanje iidemon zibangela abanye abantu babe nogonyamelo; abanye zibapheka zibophula ebusuku, zibaphuphisa kakubi

ULintina, ohlala eSuriname, ubalisa ukuba idemon, okanye umoya ombi, yabulala amalungu ali-16 entsapho yakowabo yaza yamthuthumbisa emzimbeni nasengqondweni kangangeminyaka eli-18. Ngokusuka kumava akhe obuqu uthi iidemon “ziyakuvuyela ukuwathuthumbisa de afe amaxhoba azo angavumiyo ukuzinikela kuzo.”

Kodwa uYehova uyakwazi ukubakhusela abakhonzi bakhe kwiintlaselo zikaSathana.—IMizekeliso 18:10.