Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithemba Eliqinisekileyo Ngabafi

Ithemba Eliqinisekileyo Ngabafi

ELINYE ibhinqa elineminyaka engama-25 ubudala labhala: “Ngowe-1981 umama owayendikhulisile wabulawa ngumhlaza. Ukufa kwakhe kwakubuhlungu gqitha kum nakumfana endandikhule naye njengomnakwethu. Ndandineminyaka eli-17, ibe umnakwethu wayeneminyaka eli-11. Ndandimkhumbula kakhulu. Ekubeni ndandifundiswe ukuba wayesezulwini, ngoko, ndandifuna ukuzibulala ukuze ndibe kunye naye. Wayengumhlobo wam osenyongweni.”

Kubonakala kungafanelekanga gqitha ukuba ukufa kube namandla okuthabatha umntu omthandayo. Ibe xa oko kusenzeka, ingcamango yokuba akusayi kuze uphinde ukwazi ukuthetha naye, uhleke naye, okanye umbambe lowo ubumthanda inokunganyamezeleki kwaphela. Loo ntlungu ayipheliswa kukuxelelwa nje ukuba lowo umthandayo usezulwini.

Noko ke, iBhayibhile inikela ithemba elahluke ngokwenene. Njengokuba sesiphawulile ngaphambilana, iZibhalo zibonisa ukuba unako ukuphinda umanyaniswe nalowo umthandayo ufileyo kungekudala, kungekhona kwizulu elingaziwa nokuba liphi kodwa apha emhlabeni kwiimeko ezinoxolo nobulungisa. Yaye ngelo xesha abantu baya kuba nethemba lokunandipha impilo efezekileyo, ibe abasayi kufa kwakhona. ‘Kodwa ngokuqinisekileyo yintsom’ emini leyo!’ bambi basenokutsho.

Yintoni enokukuqinisekisa ukuba eli lithemba eliqinisekileyo? Ukuze ukholelwe kwisithembiso, kufuneka uqiniseke ukuba lowo wenza eso sithembiso ukulungele yaye unako ukusizalisekisa. Ngoko ke, ngubani othembisa ukuba abafileyo baya kuphila kwakhona?

Ngentwasahlobo yowama-31 C.E., uYesu Kristu eqinisekile wathembisa: “Njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo. Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe [likaYesu]; baphume ke.” (Yohane 5:21, 28, 29) Ewe, uYesu Kristu wathembisa ukuba izigidi ngoku ezifileyo ziya kuphila kwakhona kulo mhlaba zibe nethemba lokuhlala kuwo ngonaphakade kwiimeko zoxolo neziyiparadisi. (Luka 23:43; Yohane 3:16; 17:3; thelekisa INdumiso 37:29 noMateyu 5:5.) Ekubeni inguYesu owenza eso sithembiso, ngokukhululeka sinokulindela ukuba ukulungele ukusizalisekisa. Kodwa ngaba unako ukwenjenjalo?

Kungaphelanga neminyaka emibini esenzile eso sithembiso, uYesu wabonisa ngendlela enamandla ukuba ukulungele yaye unako ukuvusa abafi.

“Lazaro, Phuma”

Kwakungumbono ochukumisayo. ULazaro wayegula ngokungaginyisi mathe. Oodade wabo ababini, uMariya noMarta, bathumela kuYesu, owayengaphesheya koMlambo iYordan besithi: “Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.” (Yohane 11:3) Babesazi ukuba uYesu wayemthanda uLazaro. Ngaba uYesu wayengayi kufuna ukumbona umhlobo wakhe ogulayo? Okubangel’ umdla kukuba kunokuba asuke kwangoko aye eBhetani, uYesu wahlala apho wayekhona kangangeentsuku ezimbini ezilandelayo.—Yohane 11:5, 6.

Emva kwethuba elithile uthunyelwe umyalezo wokuba uyagula uLazaro wafa. UYesu wazi ukuba uLazaro ufile, yaye wayezimisele ukwenza okuthile ngako. Akuba ekugqibeleni uYesu efikile eBhetani, umhlobo wakhe wayesele entsuku-ne efile. (Yohane 11:17, 39) Ngaba uYesu wayenokumbuyisela ebomini umntu owayefe ithuba elide kangako?

Akuva ukuba uYesu uyeza, uMarta, ibhinqa elikhutheleyo, wagidima waya kumkhawulela. (Thelekisa uLuka 10:38-42.) Echukunyiswe yintlungu awayekuyo, uYesu wamqinisekisa: “Umnakwenu uya kubuya avuke.” Akubonisa ukholo lwakhe kuvuko lwexesha elizayo, uYesu wamxelela ngokucacileyo wathi: “Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.”—Yohane 11:20-25.

Akuba efikile engcwabeni, uYesu wayalela ukuba ilitye elalivale umlomo wengcwaba lisuswe. Wandula ke, emva kokuthandaza ngokuvakalayo, wathi: “Lazaro, phuma.”—Yohane 11:38-43.

Bonke ababekho babethe ntsho engcwabeni. Kwandula ke, kobo bumnyama, kwaphuma umntu. Iinyawo nezandla zakhe zazibotshwe ngezithandelo, ibe ubuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. UYesu wayalela: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.” Sathi thaca phantsi esokugqibela isithandelo. Ewe, yayinguLazaro, indoda eyayintsuku-ne ifile!—Yohane 11:44.

Ngaba Oku Kwenzeka Ngokwenene?

Ingxelo yokuvuswa kukaLazaro ibaliswa kwincwadi yeVangeli kaYohane njengesibakala esenzeka embalini. Iinkcukacha zayo zicace gqitha ukuba ingaba ngumzekeliso nje. Ukuthandabuza enoba oku kwenzeka ngokwenene na embalini kukuthandabuza yonke imimangaliso eseBhayibhileni, kuquka nokuvuswa kukaYesu Kristu. Ibe ukukhanyela ukuvuka kukaYesu kukukhanyela lonke ukholo lobuKristu.—1 Korinte 15:13-15.

Eneneni, ukuba uyabamkela ubukho bukaThixo, ufanele ungabi nangxaki ekukholelweni kuvuko. Ngokomzekelo: Umntu usenokuwurekhoda ngevidiyo umyolelo wakhe wokugqibela, yaye emva kokuba efile, izalamane nabahlobo bakhe banokumbona baze bamve, njengokuba echaza indlela ilifa alishiyileyo elimele labiwe ngayo. Kwiminyaka elikhulu eyadlulayo, ukuthetha into enjalo kwakungaba kukwenza intsomi emini. Yaye kubantu abathile ngoku abahlala kwiindawo ezikwanti ehlabathini, ubugcisa bokurekhoda ngevidiyo abanambono wabo kangangokuba kubo bubonakala bungummangaliso. Ukuba imigaqo yenzululwazi eyamiselwa nguMdali inokusetyenziswa ngabantu ukuphinda bakhe umfanekiso obonakalayo novakalayo onjalo, ngaba uMdali akafanele akwazi ukwenza okungakumbi? Ngoko, ngaba akukho ngqiqweni ukuthi Lowo wadala ubomi unako ukubudala kwakhona?

Ummangaliso wokubuyiselwa ebomini kukaLazaro wakhulisa ukholo kuYesu nakuvuko. (Yohane 11:41, 42; 12:9-11, 17-19) Ngendlela echukumisayo, wakwabonisa ukukulungela nomnqweno kaYehova noNyana wakhe wokuvusa abafi.

‘UThixo Uya Kuba Nolangazelelo’

Indlela uYesu awasabela ngayo ekufeni kukaLazaro isibonisa uvelwano awayenalo uNyana kaThixo. Ukuba nemfesane kwakhe ngesi sihlandlo kubonisa ngokucacileyo ukuba unomnqweno onzulu wokuvusa abafi. Siyafunda: “UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka [“wagcuma emoyeni,” NW], wakhathazeka. Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!”—Yohane 11:32-36.

Imfesane kaYesu esuka entliziyweni apha iboniswa ngamabinzana amathathu: “wagcuma,” “wakhathazeka,” nelithi “walila.” Amazwi olwimi lwantlandlolo asetyenziswe ekubhaleni le ngxelo ichukumisayo abonisa ukuba uYesu wayechukumiseke gqitha kukufa komhlobo wakhe uLazaro nakukubona udadeboLazaro elila kangangokuba nakuye zesuka zee waxa iinyembezi. *

Okubalasele kakhulu kukuba uYesu wayesele ebuyisele abantu ababini ebomini ngaphambi koku. Ibe wayezimisele ukwenza okufanayo nakuLazaro. (Yohane 11:11, 23, 25) Kodwa, “walila.” Ngoko ke, uYesu akalandeli nje kuphela inkqubo ethile xa ebuyisela abantu ebomini. Uvelwano nemfesane anayo njengokuba zabonakala kwesi sihlandlo ngokucacileyo zibonisa umnqweno wakhe onzulu wokulungisa umonakalo owenziwe kukufa.

Uvelwano lukaYesu xa wayevusa uLazaro lwabonisa umnqweno wakhe onzulu wokulingisa umonakalo owenziwe kukufa

Ekubeni uYesu ‘engumceph’ ucandiwe noYehova uThixo,’ ngokufanelekileyo silindele okufanayo nakuBawo wethu wasezulwini. (Hebhere 1:3, TE) Ibonisa ukukulungela kukaYehova ukuvusa abafi, indoda ethembekileyo uYobhi yathi: “Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? . . . Ubungabizayo ke, ndisabele mna, uwulangazelele umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:14, 15) Apha igama lolwimi lwantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi “uwulangazelele” libonisa umnqweno kaThixo onyanisekileyo. (Genesis 31:30; INdumiso 84:2) Ngokucacileyo, uYehova umele ukuba ukhangele phambili kuvuko.

Ngaba sinokukholelwa ngokwenene kwisithembiso sovuko? Ewe, akukho mathandabuzo ngelokuba uYehova noNyana wakhe bakulungele ibe banako ukusizalisekisa. Kuthetha ukuthini oku kuwe? Unethemba lokuphinda umanyaniswe nabantu obathandayo abafileyo apha kulo mhlaba kodwa ngaphantsi kweemeko ezahluke gqitha!

UYehova uThixo, owadala uluntu walubeka kumyezo omhle, uthembisa ukubuyisela iParadisi kulo mhlaba ngaphantsi kolawulo loBukumkani Bakhe basezulwini obulawulwa nguYesu Kristu ozukisiweyo. (Genesis 2:7-9; Mateyu 6:10; Luka 23:42, 43) Kuloo Paradisi ibuyiselweyo, intsapho yabantu iya kuba nethemba lokunandipha ubomi obungenasiphelo emhlabeni, apho kungekho kugula nazifo. (ISityhilelo 21:1-4; thelekisa uYobhi 33:25; Isaya 35:5-7.) Kwakhona, iya kuba ingasekho intiyo, umkhethe wobuhlanga, ugonyamelo phakathi kwezizwana, nengcinezelo yezoqoqosho. UYehova uThixo ngoYesu Kristu uya kubavusela kumhlaba ococeke ngolo hlobo abafileyo.

Sithetha nje ibhinqa elingumKristu elikhankanywe ekuqaleni kweli candelo linelo themba. Emva kweminyaka eliqela wafayo unina, amaNgqina kaYehova alinceda layifundisisa ngenyameko iBhayibhile. Likhumbula oku: “Emva kokufunda ngethemba lovuko, ndakhala. Kwakumnandi gqitha ukwazi ukuba ndiya kubuya ndimbone umama kwakhona.”

Ukuba ngokufanayo neyakho intliziyo ilangazelela ukubona umntu omthandayo kwakhona, amaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ufunde indlela onokulifumana ngayo nawe eli themba liqinisekileyo. Kutheni ungaqhagamshelani nawo kwiHolo yoBukumkani ekufutshane nawe, okanye ubhalele kweyona dilesi ikufutshane kwezidweliswe kwiphepha 32.

^ isiqe. 20 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “wagcuma” lisuka kwisenzi (em·bri·maʹo·mai) esibonisa ukuchukumiseka kabuhlungu okanye ngokunzulu. Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Apha linokuthetha kuphela ukuba imvakalelo enzulu enjalo yafikela uYesu kangangokuba ngokuzenzekelayo wagcuma entliziyweni Yakhe.” Ibinzana eliguqulelwe ngokuthi “wakhathazeka” livela kwigama lesiGrike (ta·rasʹso) elibonisa ukuphazamiseka. Ngokutsho komnye umbhali wezichazi-magama, lithetha “ukubangela isiyaluyalu ngaphakathi, . . . ukubangela ubuhlungu nosizi olungathethekiyo.” Ibinzana elithi “walila” lisuka kwisenzi sesiGrike (da·kryʹo) esibonisa “ukuphalaza iinyembezi, ukuntywizisa.”

Uvuko, olusekelwe kwidini lentlawulelo likaKristu Yesu, luya kuzivuyisa zonke izizwe