Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

Mfundi Othandekayo:

Ngaba uziva usondele kuThixo? Kwabaninzi, oko kubonakala kuyinto engenakwenzeka. Abanye banoloyiko lokuba ukude kuthi; abanye bavakalelwa kukuba abakufanelekelanga ukusondela kuye. Kodwa ke, ngothando iBhayibhile isicenga isithi: “Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ude abaqinisekise abakhonzi bakhe, esithi: “Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’”—Isaya 41:13.

Sinokuba nabo njani ubuhlobo obusondele ngolo hlobo noThixo? Ukuze nabuphi na ubuhlobo buqine, kufuneka umazi umntu lowo, uziqonde yaye uzixabise iimpawu ezimenza ahluke. Ngoko iimpawu zikaThixo nendlela enza ngayo izinto, njengoko zichaziwe eBhayibhileni, zizinto ekubalulekileyo ukuba sifunde ngazo. Ukucingisisa ngendlela uYehova azibonakalisa ngayo iimpawu zakhe, ukubona indlela uYesu Kristu azibonakalisa ngokugqibelele ngayo, nokuqonda indlela thina esinokuba nazo nesinokuzikhulisa ngayo, kuzosenza sisondele ngakumbi kuThixo. Sizobona ukuba uYehova unguMongami wendalo ofanelekileyo nogqibeleleyo. Ngaphezu koko, unguTata esimdingayo sonke. Unamandla, unobulungisa, unobulumko nothando, yaye akaze abalahle abantwana bakhe abathembekileyo.

Akwaba le ncwadi ingakunceda usondele ngakumbi kuYehova uThixo, uze wakhe naye ubuhlobo obungasoze buqhawuke ukuze uphile uze umdumise ngonaphakade.

Abapapashi